Numeri
33 Nalu uhambo lwabantu bakwaSirayeli ukuphuma kwabo eYiputa+ behamba ngokwamaqela abo*+ bekhokelwa nguMoses noAron.+ 2 UMoses waqhubeka ezibhala iindawo ababehlala kuzo kuhambo lwabo njengoko wayeyalelwe nguYehova. Nalu uhambo lwabo:+ 3 AmaSirayeli emka eRameses+ ngenyanga yokuqala ngosuku lwe-15.+ Aphuma eYiputa engoyiki, ebonwa ngawo onke amaYiputa, kanye ngosuku olwalusemva kwePasika.+ 4 Ngelo xesha wona amaYiputa ayengcwaba onke amazibulo awayebulewe nguYehova,+ kuba uYehova wayegwebe izithixo zawo.+
5 Ngoko amaSirayeli emka eRameses ayokuhlala eSukoti.+ 6 Emva koko emka eSukoti ayokuhlala e-Etham,+ ngasekupheleni kwentlango. 7 Asuka e-Etham abuyela ngasePihahiroti, ejongene neBhahali-tsefon,+ ahlala phambi kweMigdoli.+ 8 Asuka ePihahiroti anqumla phakathi elwandle+ aya entlango,+ ahamba iintsuku ezintathu entlango yase-Etham,+ aza ayokuhlala eMara.+
9 Emva koko emka eMara aya e-Elim. E-Elim kwakukho imithombo yamanzi eyi-12 nemithi yesundu eyi-70, ngoko ahlala apho.+ 10 Emka e-Elim ayokuhlala ngakuLwandle Olubomvu. 11 Emva koko emka ngakuLwandle Olubomvu ayokuhlala kwintlango yaseSin.+ 12 Emka kwintlango yaseSin ayokuhlala eDofeka. 13 Ethubeni emka eDofeka ayokuhlala eAlushe. 14 Emva koko emka eAlushe ayokuhlala eRefidim+ yaye apho abantu babengenamanzi okusela. 15 Emka eRefidim ayokuhlala entlango yaseSinayi.+
16 Emka entlango yaseSinayi ayokuhlala eKibroti-hatava.+ 17 Emka eKibroti-hatava ayokuhlala eHatseroti.+ 18 Emva koko emka eHatseroti ayokuhlala eRitema. 19 Emka eRitema ayokuhlala eRimon-peretse. 20 Emva koko emka eRimon-peretse ayokuhlala eLibhena. 21 Emka eLibhena ayokuhlala eRisa. 22 Emka eRisa ayokuhlala eKehelata. 23 Emka eKehelata ayokuhlala eNtabeni YeShefere.
24 Emva koko emka eNtabeni YeShefere ayokuhlala eHarada. 25 Emka eHarada ayokuhlala eMakeloti. 26 Emka+ eMakeloti ayokuhlala eTahati. 27 Emva koko emka eTahati ayokuhlala eTera. 28 Emka eTera ayokuhlala eMiteka. 29 Ethubeni emka eMiteka ayokuhlala eHashmona. 30 Emka eHashmona ayokuhlala eMoseroti. 31 Emka eMoseroti ayokuhlala eBhene-yahakan.+ 32 Emka eBhene-yahakan ayokuhlala eHore-hagidegadi. 33 Emva koko emka eHore-hagidegadi ayokuhlala eYotebhata.+ 34 Ethubeni emka eYotebhata ayokuhlala eAbrona. 35 Emka eAbrona ayokuhlala e-Etsiyon-gebhere.+ 36 Emva koko emka e-Etsiyon-gebhere ayokuhlala entlango yaseTsin,+ oko kukuthi, eKadeshe.
37 Ethubeni emka eKadeshe ayokuhlala eNtabeni YeHore,+ kumda welizwe lakwaEdom. 38 UAron umbingeleli wenyuka iNtaba YeHore njengoko wayeyalelwe nguYehova waza wafela apho. Wafa ngonyaka we-40 amaSirayeli emkile elizweni laseYiputa, ngosuku lokuqala kwinyanga yesihlanu.+ 39 UAron wayeneminyaka eyi-123 ukufa kwakhe eNtabeni YeHore.
40 Ukumkani waseAradi,+ umKanan owayehlala eNegebhi, kwilizwe lakwaKanan, weva ukuba amaSirayeli ayeza.
41 Ethubeni emka eNtabeni YeHore+ ayokuhlala eTsalmona. 42 Emka eTsalmona ayokuhlala ePunon. 43 Emka ePunon ayokuhlala eObhoti.+ 44 Emva koko emka eObhoti ayokuhlala eIye-abharim kumda wakwaMowabhi.+ 45 Ethubeni emka eIyim ayokuhlala eDibhon-gadi.+ 46 Emva koko emka eDibhon-gadi ayokuhlala eAlmon-diblatayim. 47 Emka eAlmon-diblatayim ayokuhlala kwiintaba zeAbharim+ eziphambi kweNebho.+ 48 Ekugqibeleni emka kwiintaba zeAbharim ayokuhlala kwintlango yakwaMowabhi ngaseYordan eYeriko.+ 49 Aqhubeka ehlala ngaseYordan, ukususela eBhete-yeshimoti ukuya kutsho eAbheli-shitim,+ kwintlango yakwaMowabhi.
50 UYehova wathetha noMoses kwintlango yakwaMowabhi ngaseYordan eYeriko, esithi: 51 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ngoku niwela iYordan, ningena kwilizwe lakwaKanan.+ 52 Nimele nibagxothe bonke abemi beli lizwe phambi kwenu nize niyitshabalalise yonke imifanekiso yabo yamatye,+ nemifanekiso yabo yesinyithi,+ nitshabalalise nazo zonke iindawo zabo eziphakamileyo ezingcwele.+ 53 Lithatheni elo lizwe nihlale kulo, kuba nakanjani ndiza kuninika lona libe lilifa lenu.+ 54 Nimele niwahlule ngamaqashiso+ umhlaba ube lilifa leentsapho zenu. Nize nilandise ilifa leqela elinabantu abaninzi, nilinciphise ilifa leqela elinabantu abambalwa.+ Wonke umntu uza kunikwa ilifa lakhe apho liwele khona iqashiso lakhe. Niza kufumana ilifa lenu lomhlaba ngokwezizwe zootata benu.+
55 “‘Ukuba anibagxothi abantu beli lizwe,+ abo bashiyekileyo baza kuba njengezinto eziphandlayo emehlweni enu nameva anihlabayo, baze baniphathe kakubi kwilizwe eniza kuhlala kulo.+ 56 Nani ndiza kunenza loo nto bendizimisele ukuyenza kubo.’”+