Eyesibini YeziKronike
4 Emva koko wenza isibingelelo sekopolo+ saziikubhite eziyi-20 ubude, saziikubhite eziyi-20 ububanzi, saziikubhite eziyi-10 ukuphakama.
2 Wenza uLwandle+ lwekopolo* olurawundi. Lwaluziikubhite eziyi-10 ububanzi neekubhite eziyi-5 ukuphakama, ibe kwakuthatha intambo eziikubhite eziyi-30 ubude ukulujikeleza.+ 3 Kwakukho amathanga amancinci okuhombisa+ ngaphantsi kwalo, elujikelezile, elishumi kwikubhite nganye macala onke olu Lwandle. La mathanga ayeyimiqolo emibini ethe nca kulo. 4 Lwalumi phezu kweenkunzi zeenkomo eziyi-12,+ eziyi-3 zijonge ngasentla, eziyi-3 zijonge ngasentshona, eziyi-3 zijonge ngasemzantsi, eziyi-3 zijonge ngasempuma. ULwandle lwaluphezu kwazo, ibe izinqe zazo zazijonge ngaphakathi. 5 Ubungqingqwa balo babulingana nobubanzi besandla,* yaye umlomo walo wawufana nomlomo wendebe, lufana nenyibiba edubuleyo. Eli tanki lalinokuthwala* iibhate* eziyi-3 000.
6 Wenza nezitya zokuhlambela ezilishumi, wabeka ezintlanu ngasekunene, nezintlanu ngasekhohlo.+ Babezihlambela kuzo izinto zokwenza iminikelo etshiswayo.+ Kodwa lona uLwandle lwalulolwababingeleli ukuze bahlambe kulo.+
7 Emva koko wenza iziphatho zezibane zegolide,+ ngokwemiyalelo,+ wazibeka etempileni. Ezintlanu wazibeka ngasekunene, ezintlanu wazibeka ngasekhohlo.+
8 Wenza neetafile ezilishumi, wazibeka etempileni. Ezintlanu wazibeka ngasekunene, ezintlanu wazibeka ngasekhohlo,+ wenza nezitya eziyi-100 zegolide.
9 Emva koko wenza iyadi+ yababingeleli,+ iyadi enkulu+ neengcango zeyadi. Ezo ngcango wazityabeka ngekopolo. 10 Wabeka uLwandle ngasekunene, ngakumzantsi-mpuma.+
11 UHiram wenza neenkonkxa, imihlakulo nezitya.+
Ngoko uHiram wagqiba ukuwenza umsebenzi awayewenzela uKumkani uSolomon kwindlu yoThixo wokwenene:+ 12 iintsika ezimbini+ neengqukuva ezaziphezu kwazo, iminatha emibini+ eyenziwe ngamatsheyini aphothiweyo, eyayikwezi ngqukuva zaziphezu kweentsika, 13 iirharnati eziyi-400+ kwiminatha emibini, imiqolo emibini yeerharnati kumnatha ngamnye ukuze kuhonjiswe iingqukuva ezimbini ezaziphezu kweentsika,+ 14 iinqwelo* ezilishumi nezitya ezilishumi eziphezu kwazo,+ 15 uLwandle neenkunzi zeenkomo eziyi-12 ezingaphantsi kwalo,+ 16 iinkonkxa, imihlakulo, iifolokhwe,+ nayo yonke impahla yendlu kaYehova, uHiram-abhivi+ awayenzela uKumkani uSolomon, eyenza ngekopolo emenyezelisiweyo. 17 Ukumkani wathi mazenziwe kwingingqi yaseYordan, endaweni enodongwe phakathi kweSukoti+ neTsereda. 18 USolomon wayenza yonke le mpahla yaninzi kakhulu. Abuzange baziwe ubunzima bekopolo.+
19 USolomon wenza yonke iimpahla+ yendlu kaThixo wokwenene: isibingelelo segolide,+ iitafile+ ekubekwe kuzo izonka zokubonisa,+ 20 iziphatho zezibane zegolide nezibane zazo zegolide esulungekileyo,+ zokukhanyisa phambi kwelona gumbi lingaphakathi, ngokomthetho, 21 iintyatyambo, izibane nemicephe yokucima umlilo, izezegolide, eyona golide isulungekileyo, 22 izicima-mlilo, izitya zokufefa, iindebe, iipani zamalahle, izezegolide esulungekileyo, neminyango yendlu, iingcango zeYona Ngcwele,+ neengcango zendlu yetempile, izezegolide.+