Kumalathisi; mayidlalwe ngemirhubhe. Ingoma emnandi. Ingoma.
67 UThixo uza kusenzela ububele, asisikelele;
Uza kusincumela+ (Selah)
2 Ukuze indlela yakho yaziwe emhlabeni,+
Usindiso lwakho lwaziwe ziintlanga.+
3 Mazikudumise izizwana Thixo;
Mazikudumise zonke izizwana.
4 Mazivuye iintlanga, zikhwaze zonwabile,+
Kuba uza kuzigweba kakuhle izizwana;+
Uza kuzikhokela iintlanga zasemhlabeni. (Selah)
5 Mazikudumise izizwana Thixo;
Mazikudumise zonke izizwana.
6 Umhlaba uza kuvelisa isiqhamo sawo;+
UThixo, uThixo wethu, uza kusisikelela.+
7 UThixo uza kusisikelela,
Ibe ezona ndawo zikude zomhlaba ziza kumoyika.+