Hezekile
17 Laphinda lafika kum ilizwi likaYehova lisithi: 2 “Nyana womntu, thetha ngesafobe uze wenzele indlu kaSirayeli lo mzekelo.+ 3 Umele uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ukhozi olukhulu,+ olunamaphiko amakhulu, iintsiba ezinde nezimibala-bala, lweza eLebhanon+ lwathatha incopho yomthi womsedare.+ 4 Lwaqhawula elona setyana liphezulu, lwalizisa kwilizwe loosomashishini* lwaza lwalibeka kwisixeko sabo.+ 5 Emva koko, lwathatha imbewu yelizwe+ lwaza lwayifaka entsimini etyebileyo. Lwayityala njengomngcunube ngasemanzini amaninzi. 6 Yaqalisa ukuhluma yaba ngumthi weediliya omfutshane onabileyo,+ onamahlamvu agobele ngaphakathi neengcambu ezikhulela ngaphantsi kwawo kuphela. Ngoko yaba ngumthi weediliya owavelisa amasetyana namasebe.+
7 “‘“Kwafika olunye ukhozi olukhulu,+ lunamaphiko amakhulu neentsiba ezinde.+ Lo mthi weediliya wanabisa iingcambu zawo ngokukhawuleza zaya ngakulo, kude nomyezo owawutyalwe kuwo, waza wolulela amahlamvu awo ngakulo ukuze luwankcenkceshele.+ 8 Wawusele utyalwe kwintsimi entle ngasemanzini amaninzi, ukuze uvelise amasebe, uthwale isiqhamo, uze ube ngumthi weediliya omkhulu.”’+
9 “Yithi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Uza kuchuma na? Ngaba akuzukubakho mntu uncothula iingcambu zawo,+ abolise isiqhamo sawo aze abunise namasetyana awo?+ Uza koma nko kangangokuba akuzukufuneka ngalo yomeleleyo okanye bantu baninzi ukuze uncothulwe neengcambu. 10 Nangona utyalwe kwenye indawo, uza kuchuma na? Ngaba awuzukoma nko xa ufikelwe ngumoya wasempuma? Uza koma emyezweni owahluma kuwo.”’”
11 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 12 “Ndicela uthi kule ndlu ingathobeliyo, ‘Anazi ukuba zithetha ntoni na ezi zinto?’ Yithi, ‘Jongani! Ukumkani waseBhabhiloni weza eYerusalem, wathatha ukumkani neenkosana zayo wabuyela nazo eBhabhiloni.+ 13 Wathatha nomnye kwinzala* yasebukhosini,+ wenza isivumelwano naye waza wamfungisa.+ Emva koko wathatha awona madoda adumileyo elizwe,+ 14 ukuze obo bukumkani buthotywe, bungakwazi kuphakama, bume kuphela ngokugcina isivumelwano sakhe.+ 15 Kodwa ekugqibeleni ukumkani wamjikela,+ wathumela abathunywa bakhe eYiputa ukuba baye kufumana amahashe+ nomkhosi omkhulu.+ Ngaba uza kuphumelela? Uza kusinda na ekohlwayweni lowo wenza ezi zinto? Angakwazi na ukusinda emva kokuba engenzanga ngokwesivumelwano?’+
16 “‘“Ndiphila nje,” itsho iNkosi enguMongami uYehova, “uza kufela eBhabhiloni, apho ahlala khona ukumkani* owambekayo* ukuba abe ngukumkani, lowo yena wasidelelayo isifungo sakhe, waphula nesivumelwano sakhe.+ 17 Umkhosi omkhulu namajoni amaninzi kaFaro awazukunceda nganto emfazweni,+ xa kumiswe amathambeka okuhlasela nodonga lokuyijikeleza, ukuze kutshatyalaliswe abantu abaninzi.* 18 Usidelele isifungo waza wasaphula isivumelwano. Nangona wayethembisile, wenze zonke ezi zinto, ibe akazukusinda.”’
19 “‘Ngoko ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiphila nje, ndiza kuyizisa phezu kwentloko yakhe imiphumo yokudelela isifungo sam+ nokwaphula isivumelwano sam. 20 Ndiza kuphosa umnatha wam wokuzingela phezu kwakhe, aze abambeke kuwo.+ Ndiza kumzisa eBhabhiloni ndize ndimgwebe apho kuba engakhange athembeke kum.+ 21 Bonke abo baziimbacu kumajoni akhe baza kubulawa likrele, nabo bashiyekileyo baza kusasazeka kuyo yonke indawo.*+ Niza kutsho nazi ukuba mna Yehova, ndithethile.”’+
22 “‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kuthatha isetyana eliphezulu emthini womsedare+ ndize ndilityale; ndiza kuqhawula isetyana elithambileyo phezulu kuloo mthi,+ ndilityale entabeni ephakamileyo.+ 23 Ndiza kulityala entabeni ephakamileyo yakwaSirayeli; namasebe alo aza kukhula, lize livelise isiqhamo libe ngumthi womsedare omkhulu. Zonke iintlobo zeentaka ziza kuhlala phantsi kwawo, emthunzini wamahlamvu awo. 24 Yonke imithi yasendle iza kutsho yazi ukuba mna Yehova, ndiwuthobile umthi ophakamileyo, ndaphakamisa umthi othotyiweyo;+ ndiwomisile umthi oluhlaza ndaza ndawenza watyatyamba umthi owomileyo.+ Mna Yehova, ndithethile ndaza ndenza.”’”