Levitikus
15 Waqhubeka uYehova wathi kuMoses noAron: 2 “Yithini kumaSirayeli, ‘Ukuba indoda iphuma ukungcola kwilungu layo lenzala,* oko kungcola kuyenza ingacoceki.+ 3 Ngenxa yoko kungcola, ayicocekanga, enoba oko kungcola kuqhubeka kuphuma kwilungu layo lenzala okanye livalekile ilungu lenzala ngenxa yoko kungcola, loo ndoda ayicocekanga.
4 “‘Nayiphi na ibhedi alala kuyo loo mntu uphuma ukungcola, ayizukucoceka, nayo nantoni na ahlala phezu kwayo ayizukucoceka. 5 Umntu ochukumisa ibhedi yaloo mntu umele ahlambe iimpahla zakhe, yaye ufanele ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe.+ 6 Nabani na ohlala phezu kwento ebehleli phezu kwayo umntu ophuma ukungcola, umele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 7 Nabani na ochukumisa umntu ophuma ukungcola ufanele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 8 Ukuba umntu ophuma ukungcola uye watshicela umntu ococekileyo, lowo ucocekileyo umele ahlambe iimpahla zakhe aze ahlambe emanzini, abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 9 Nayiphi na isali ahlala phezu kwayo umntu ophuma ukungcola ayizukucoceka. 10 Nabani na ochukumisa nantoni na ebiphantsi kwakhe akazukucoceka kude kuhlwe, yaye nabani na oyithwalayo loo nto uza kuhlamba iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 11 Ukuba umntu ophuma ukungcola+ akazihlambanga izandla zakhe aze achukumise omnye umntu, loo mntu umele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini, abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 12 Isitya sodongwe esichukunyiswa ngumntu ophuma ukungcola sifanele sikrotyozwe, yaye nasiphi na isitya somthi sifanele sihlanjwe ngamanzi.+
13 “‘Xa ukungcola kuyekile ukuphuma, loo mntu uza kubala iintsuku ezisixhenxe zokucocwa kwakhe, yaye umele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini amatsha, aze ke acoceke.+ 14 Ngosuku lwesibhozo, ufanele athathe amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo,+ eze phambi koYehova kumnyango wentente yokuhlangana, aze awanike umbingeleli. 15 Umbingeleli uza kubingelela ngawo, elinye libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo, yaye uza kumhlawulela kuYehova ngenxa yokungcola kwakhe.
16 “‘Ukuba indoda iphuma amadlozi, ifanele ihlambe wonke umzimba wayo emanzini ize ibe yengacocekanga kude kuhlwe.+ 17 Imele iyihlambe ngamanzi nayiphi na impahla naso nasiphi na isikhumba esinamadlozi, yaye siza kuba sesingacocekanga kude kuhlwe.
18 “‘Xa indoda iye yalala nomfazi ize iphume amadlozi, bafanele bahlambe emanzini baze babe ngabantu abangacocekanga kude kuhlwe.+
19 “‘Ukuba umfazi uphuma igazi kwilungu lokuzala, uza kuhlala engcolile iintsuku ezisixhenxe ngenxa yokuba sexesheni kwakhe.+ Nabani na omchukumisayo akazukucoceka kude kuhlwe.+ 20 Nantoni na alala phezu kwayo xa engcolile ngenxa yokuba sexesheni, ayizukucoceka, yaye yonke into ahlala phezu kwayo ayizukucoceka.+ 21 Nabani na ochukumisa ibhedi yakhe ufanele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 22 Nabani na ochukumisa nantoni na ebehleli phezu kwayo loo mfazi ufanele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 23 Ukuba loo mfazi ungacocekanga uye wahlala ebhedini okanye phezu kwenye into aze umntu azichukumise ezo zinto, uza kuba ngongacocekanga kude kuhlwe.+ 24 Ukuba indoda ilala naye ize ingcoliswe ligazi lokuba sexesheni kwakhe,+ ayizukucoceka iintsuku ezisixhenxe, ibe nayiphi na ibhedi elala kuyo ayizukucoceka.
25 “‘Xa umfazi eye waphuma igazi iintsuku ezininzi,+ ingelilo ixesha lesiqhelo lokuba sexesheni kwakhe,+ okanye ukuba elo gazi liye laphuma ixesha elide kunelokuba sexesheni kwakhe, uza kungcola zonke iintsuku zokuphuma kwakhe igazi, njengeentsuku zokungacoceki kwakhe xa esexesheni. 26 Nayiphi na ibhedi alala kuyo ngeentsuku zokuphuma kwakhe igazi, ayizukucoceka kanye njengebhedi alala kuyo xa engcoliswe kukuba sexesheni,+ ibe nantoni na ahlala kuyo ayizukucoceka, njengokuba kudla ngokwenzeka xa engcoliswe kukuba sexesheni. 27 Nabani na ozichukumisayo ezo zinto akazukucoceka, yaye umele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe emanzini aze angacoceki kude kuhlwe.+
28 “‘Kodwa ke, xa eyekile ukuphuma igazi, uza kuzibalela iintsuku ezisixhenxe, aze emva koko acoceke.+ 29 Ngosuku lwesibhozo, uza kuthatha amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo,+ awazise kumbingeleli kumnyango wentente yokuhlangana.+ 30 Umbingeleli uza kwenza umnikelo wesono ngelinye ihobe aze ngelinye enze umnikelo otshiswayo, yaye umbingeleli uza kumhlawulela phambi koYehova ngenxa yokungcola okuphuma kuye.+
31 “‘Ngaloo ndlela nimele niwakhusele amaSirayeli ekungcoleni, ukuze angafeli ekungcoleni kwawo ngenxa yokungcolisa intente yam engcwele, ephakathi kwawo.+
32 “‘Lo ngumthetho ongendoda ephuma ukungcola, indoda engacocekanga ngenxa yokuphuma amadlozi,+ 33 umfazi ongcoliswa kukuba sexesheni,+ indoda okanye umfazi ophuma ukungcola kwilungu lenzala+ nendoda elala nomfazi ongacocekanga.’”