Nehemiya
7 Lwathi lwakugqitywa udonga,+ ndafaka iigeyithi,+ ndamisela oonogada basegeyithini,+ iimvumi+ nabaLevi.+ 2 Emva koko ndamisela umntakwethu uHanani+ wangumphathi eYerusalem, kunye noHananiya umphathi weNqaba,+ kuba wayeyeyona ndoda ithembekileyo neyoyika uThixo wokwenene+ ngaphezu kwabaninzi. 3 Ndathi kubo: “Iigeyithi zeYerusalem mazingavulwa de iqine imini, ibe oonogada bamele bazitshixe. Ze nithi nakubantu baseYerusalem mabagade, nibanike iindawo amabazigade, nize abanye nibabeke phambi kwezindlu zabo.” 4 Isixeko ke sasisikhulu sithe gabalala, sinabantu nje abambalwa,+ nezindlu zingekaphindi zakhiwe.
5 Kodwa uThixo wam wayifaka entliziyweni yam into yokuba ndiqokelele izikhulu nabaphathi nabantu, ndibabhalise ngokweminombo yokuzalwa.+ Ndafumana incwadi ekubhalwe kuyo iminombo yabo babefike kuqala, ibe nazi izinto ezazibhalwe kuyo:
6 Aba ngabantu bephondo ababebuye ekuthinjweni nguKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni, bebuyela kwizixeko zabo,+ eYerusalem nakwaYuda, 7 abo beza noZerubhabheli,+ uYeshuwa,+ uNehemiya, uAzariya, uRahamiya, uNahamani, uMordekayi, uBhileshan, uMispereti, uBhigevayi, uNehum noBhahana.
Nanga amanye amadoda akwaSirayeli awabuyayo:+ 8 oonyana bakaParoshe babeyi-2 172; 9 oonyana bakaShefatiya babeyi-372; 10 oonyana baka-Arahi+ babeyi-652; 11 oonyana bakaPahati-mowabhi,+ woonyana bakaYeshuwa noYowabhi+ babeyi-2 818; 12 oonyana bakaElam+ babeyi-1 254; 13 oonyana bakaZatu babeyi-845; 14 oonyana bakaZakayi babeyi-760; 15 oonyana bakaBhinuwi babeyi-648; 16 oonyana bakaBhebhayi babeyi-628; 17 oonyana baka-Azegadi babeyi-2 322; 18 oonyana baka-Adonikam babeyi-667; 19 oonyana bakaBhigevayi babeyi-2 067; 20 oonyana baka-Adin babeyi-655; 21 oonyana baka-Atere, wendlu kaHezekiya babeyi-98; 22 oonyana bakaHashum babeyi-328; 23 oonyana bakaBhetsayi babeyi-324; 24 oonyana bakaHarifi babeyi-112; 25 oonyana bakaGibheyon+ babeyi-95; 26 amadoda aseBhetelehem naseNetofa ayeyi-188; 27 amadoda aseAnatoti+ ayeyi-128; 28 amadoda aseBhete-azimaveti ayeyi-42; 29 amadoda aseKiriyati-yarim,+ eKefira naseBheheroti+ ayeyi-743; 30 amadoda aseRama naseGebha+ ayeyi-621; 31 amadoda aseMikimase+ ayeyi-122; 32 amadoda aseBheteli+ naseAyi+ ayeyi-123; 33 amadoda enye iNebho ayeyi-52; 34 oonyana benye iElam babeyi-1 254; 35 oonyana baseHarim babeyi-320; 36 oonyana baseYeriko babeyi-345; 37 oonyana baseLodi, eHadidi naseOno+ babeyi-721; 38 oonyana baseSenaha babeyi-3 930.
39 Naba ababingeleli:+ oonyana bakaYedaya wendlu kaYeshuwa babeyi-973; 40 oonyana bakaImere babeyi-1 052; 41 oonyana bakaPashure+ babeyi-1 247; 42 oonyana bakaHarim+ babeyi-1 017.
43 Naba abaLevi:+ oonyana bakaYeshuwa, wendlu kaKademiyeli,+ ababengoonyana bakaHodeva babeyi-74. 44 Nazi iimvumi:+ oonyana baka-Asafu+ babeyi-148. 45 Naba oonogada basegeyithini:+ oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemoni, oonyana baka-Akubhi,+ oonyana bakaHatita noonyana bakaShobhayi babeyi-138.
46 Naba abasebenzi basetempileni:*+ oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti, 47 oonyana bakaKero, oonyana bakaSiya, oonyana bakaPadon, 48 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalmayi, 49 oonyana bakaHanan, oonyana bakaGideli, oonyana bakaGahare, 50 oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, 51 oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, 52 oonyana bakaBhesayi, oonyana bakaMehun, oonyana bakaNefushesim, 53 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure, 54 oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha, 55 oonyana bakaBharkos, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTema, 56 oonyana bakaNetsiya noonyana bakaHatifa.
57 Naba oonyana bezicaka zikaSolomon:+ oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSofereti, oonyana bakaPerida, 58 oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGideli, 59 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokereti-hatsebhayim noonyana baka-Amon. 60 Abasebenzi basetempileni+ noonyana bezicaka zikaSolomon xa bebonke babeyi-392.
61 Naba ababesuka eTele-mela, eTele-haresha, eKherubhi, eAdon naseImere, kodwa abazange bakwazi ukulanda izindlu zootata babo nemvelaphi yabo, ukuze baqonde ukuba bangawo na amaSirayeli:+ 62 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya noonyana bakaNekoda babeyi-642. 63 Naba oonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse,+ oonyana bakaBharzilayi, owathatha umfazi kwiintombi zikaBharzilayi+ umGiliyadi waza wabizwa ngegama lakhe. 64 Bakhangela umnombo wabo ezincwadini, kodwa abazange bawufumane, ngoko abazange bavunyelwe* ukuba babe ngababingeleli.+ 65 Umlawuli*+ wabaxelela ukuba mabangazityi ezona zinto zingcwele+ de kubekho umbingeleli oza kukwazi ukubuza kwiUrim neTumim.+
66 Xa lilonke eli bandla lalinabantu abayi-42 360,+ 67 ngaphandle kwamakhoboka namakhobokazana+ abo ayi-7 337. Babenazo neemvumi neemvumikazi eziyi-245.+ 68 Amahashe abo ayeyi-736, iimeyile zabo ziyi-245, 69 iinkamela zabo ziyi-435, zona iidonki ziyi-6 720.
70 Ezinye iintloko zezindlu zancedisa kulo msebenzi.+ Umlawuli* wanikela ngeedrarhma* zegolide eziyi-1 000, izitya eziyi-50 nemiwunduzo yababingeleli eyi-530.+ 71 Ezinye iintloko zezindlu zanikela ngeedrarhma zegolide eziyi-20 000 nangeemina* zesilivere eziyi-2 200. 72 Abanye abantu banikela ngeedrarhma zegolide eziyi-20 000, iimina zesilivere eziyi-2 000 nemiwunduzo yababingeleli eyi-67.
73 Ababingeleli, abaLevi, oonogada basegeyithini, iimvumi,+ abantu abaqhelekileyo, abasebenzi basetempileni* nawo onke amanye amaSirayeli bahlala kwizixeko zabo.+ Kwathi kusiba yinyanga yesixhenxe,+ abe amaSirayeli ehleli kwizixeko zawo.+