Eyesibini YeziKronike
17 Emva kwakhe kwangena uYehoshafati+ unyana wakhe waba ngukumkani, waza wasiqinisa isikhundla sakhe kwaSirayeli. 2 Wabeka imikhosi yamajoni kuzo zonke izixeko ezikhuselekileyo zakwaYuda, wabeka amaqela omkhosi kwilizwe lakwaYuda nakwizixeko zakwaEfrayim ezazithinjwe nguAsa utata wakhe.+ 3 UYehova waqhubeka enoYehoshafati kuba wayehamba ezindleleni zangaphambili zikaDavide ukhokho wakhe+ yaye akazange abafune ooBhahali. 4 Wafuna uThixo katata wakhe+ waza walandela umyalelo* wakhe, akenza izinto ezazisenziwa nguSirayeli.+ 5 UYehova wabuqinisa ubukumkani esandleni sakhe,+ yaye wonke uYuda waqhubeka empha izipho uYehoshafati, waza waba nobutyebi nozuko olukhulu kakhulu.+ 6 Waba nesibindi walandela iindlela zikaYehova, waza wasusa iindawo eziphakamileyo+ neepali ezingcwele*+ kwaYuda.
7 Ngonyaka wesithathu elawula, wathi makubizwe amagosa akhe, uBhen-hayili, uObhadiya, uZekariya, uNetaneli noMikaya, ukuze afundise kwizixeko zakwaYuda. 8 Babekunye naba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uTobhiya noTobhi-adoniya. UElishama noYehoram ababingeleli, babekunye nabo.+ 9 Baqalisa ukufundisa kwaYuda, behamba nencwadi yoMthetho kaYehova.+ Bazityhutyha zonke izixeko zakwaYuda befundisa abantu.
10 Izizwe* ezazikufutshane noYuda zamoyika kakhulu uYehova, yaye azizange zilwe noYehoshafati. 11 NamaFilisti azisa umnikelo wezipho nemali kuYehoshafati. Ama-Arabhu athatha kwimihlambi yawo iinkunzi zeegusha eziyi-7 700 neenkunzi zeebhokhwe eziyi-7 700 aza azizisa kuye.
12 UYehoshafati waya esiba mkhulu ngokuba mkhulu,+ ibe kwaYuda waqhubeka ezakha iindawo ezikhuselekileyo+ nezixeko zoovimba.+ 13 Waba namaphulo amaninzi kwizixeko zakwaYuda, yaye eYerusalem wayenamajoni angamakroti. 14 Ayebekwe ngokwala maqela ezindlu zookhokho bawo: kwawakwaYuda kwakubekwe iintloko zamawaka, uAdenahi intloko, enamakroti ayi-300 000.+ 15 Yaye phantsi kwakhe kwakukho uYehohanan intloko, enamakroti ayi-280 000. 16 Phantsi kwakhe yayinguAmasiya unyana kaZikri owazifunela ngokwakhe ukwenza umsebenzi kaYehova, yena wayenamakroti ayi-200 000. 17 KwaBhenjamin+ kwakukho uEliyada ikroti, yena wayenamadoda ayi-200 000 axhobe ngesaphetha nekhaka.+ 18 Yaye phantsi kwakhe yayinguYehozabhadi, yena enamadoda ayi-180 000 axhobele umkhosi. 19 Lawo ke ngamadoda awayelungiselela ukumkani ukongeza kulawo ukumkani wayewabeke kwizixeko ezikhuselekileyo kulo lonke elakwaYuda.+