Yobhi
16 UYobhi waphendula wathi:
2 “Kudala ndaziva izinto ezinje.
Nonke ningabathuthuzeli abayinkathazo!+
3 Uza kuyeka nini ukuthetha izinto ezingekhoyo?*
Yintoni ekwenza uthethe ngolu hlobo?
4 Nam ndiyakwazi ukuthetha njengani.
8 Undibamba ngesixhanti, ibe loo nto ibonakala nakubani na,
Kuba ukubhitya kwam kuyandimangalela.
9 Umsindo wakhe undidlakazile, ibe uyandizonda.+
Unditshixizela amazinyo.
Utshaba lwam lundijamele.+
10 Iintshaba zam zivule imilomo yazo zifuna ukundiginya;+
Zindiqhwabe ngempama zindithuka;
Zindipakanyela ziligquba.+
12 Ndandizonwabele, kodwa yena wandidlakazelisa;+
Wandithi nqaku entanyeni, wandityumza,
Wajolisa iintolo zakhe kum.
13 Abatoli bakhe bandirhangqile;+
Ugqobhoza izintso zam+ engenalusizi;
Uyiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14 Ugqobhoza kum ngathi ndiludonga;
Undihlasela oku kwekroti.
16 Ubuso bam bubomvu kukulila,+
Neenkophe zam zide zamnyama,*
17 Nakuba izandla zam zingazange zanabundlobongela,
Nomthandazo wam umsulwa.
18 Owu mhlaba, sukuligquma igazi lam!+
Masivakale isikhalo sam!
19 Nangoku nje ingqina lam lisemazulwini;
Lowo unokundithethelela ukude lee phezulu.