Ingoma Yokunyuka. EkaDavide.
131 Owu Yehova, intliziyo yam ayinakratshi,
Namehlo am akaphakamanga;+
Andifuni zinto zinkulu kakhulu,+
Okanye ezingaphaya kwamandla am.
2 Kunoko ndiwenze wazola umphefumlo wam+
Njengomntwana olunyulweyo okunye nomama wakhe;
Ndaneliseke okomntwana olunyulweyo.
3 USirayeli makalindele kuYehova+
Ngoku nangonaphakade.