Amosi
1 La ngamazwi ka-Amosi,* owayengomnye wabafuyi beegusha baseTekowa,+ awawafumana embonweni ngoSirayeli ngemihla kaKumkani u-Uziya+ wakwaYuda nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli, kwiminyaka emibini ngaphambi kwenyikima.+ 2 Wathi:
“UYehova uza kugquma eseZiyon,
Aphakamise ilizwi lakhe eseYerusalem.
Amadlelo abalusi aza kuzila,
Nenkcochoyi yeKarmele iza koma.”+
3 “Uthi uYehova,
‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kweDamasko, nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba ibhule iGiliyadi ngezileyi zokubhula zentsimbi.+
5 Ndiza kuyaphula imivalo yaseDamasko;+
Ndiza kubatshabalalisa abahlali baseBhikate-aven
Nalowo ulawula* eseBhete-eden;
Nabantu baseSiriya baza kuba ngabathinjwa eKire,”+ utsho uYehova.’
6 Uthi uYehova,
‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kweGaza,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba ithathe iqela labathinjwa+ yalinikela kuEdom.
8 Ndiza kubatshabalalisa abahlali baseAshdode,+
Ndiza kusibeka phezu kwe-Ekron+ isandla sam,
NamaFilisti ashiyekileyo aza kutshabalala,”+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.’
9 Uthi uYehova,
‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kweTire,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba inikele ngeqela labathinjwa kuEdom,
Yaye ayikhange isikhumbule isivumelwano sayo nomntakwayo.+
11 Uthi uYehova,
‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaEdom,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba waleqa umntakwabo ngekrele,+
Akavuma ukuba nenceba;
Ecaphuka uhlala emgrenya,
Ibe uhlala enomsindo.+
13 Uthi uYehova,
‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kwama-Amoni,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba agrabhuze abafazi abamithiyo baseGiliyadi, ngenjongo yokwandisa ummandla wawo.+
14 Ngoko ndiza kulutshisa udonga lwaseRabha,+
Uziqwenge iinqaba zayo ezikhuselekileyo,
Ngoxa kuhlatywa umkhosi ngemini yedabi,
Kusitsho nesivuthuvuthu ngemini yesaqhwithi.
15 Ukumkani wabo uza kuthinjwa kunye neenkosana zakhe,”+ utsho uYehova.’