IiNdumiso
Ingoma. Ingoma emnandi kaDavide.
108 Intliziyo yam ayigungqi, Thixo wam.
Ndiza kucula ndikudumise ngengoma ngentliziyo yam yonke.*+
Ndiza kuvusa kungekasi.*
4 Kuba uthando lwakho olungagungqiyo luninzi, lufika emazulwini,+
Nokuthembeka kwakho kufika esibhakabhakeni.
7 UThixo uthethile ebungcweleni bakhe* wathi:
8 UGiliyadi+ ngowam, noManase ngowam,
UEfrayim sisigcina-ntloko sam;*+
UYuda yintonga yam yenkumanda.+
9 UMowabhi+ sisitya endihlambela kuso.
Ndiza kuyiphosa phezu koEdom+ imbadada yam.
Ndiza kukhwaza kuba ndiwoyisile amaFilisti.”+
10 Ngubani oza kundizisa kwisixeko esikhuselekileyo?
Ngubani oza kundikhokelela kwaEdom?+