Yoshuwa
1 Emva kokufa kukaMoses umkhonzi kaYehova, uYehova wathi kuYoshuwa*+ unyana kaNun, isicaka+ sikaMoses: 2 “UMoses umkhonzi wam ufile.+ Ngoku ke phakama, uwele le Yordan, wena nabo bonke aba bantu, niye kwilizwe endiwanika lona amaSirayeli.+ 3 Ndiza kuninika zonke iindawo eniza kunyathela kuzo, kanye njengokuba ndamthembisayo uMoses.+ 4 Umhlaba wenu uza kuqala entlango unyuke uye eLebhanon, ukuya kutsho kumlambo omkhulu umEfrate, wonke nje umhlaba wamaHiti,+ uphinde uyokutsho kuLwandle Olukhulu* kwicala elingasentshonalanga.+ 5 Akukho mntu uza kumelana nawe logama nje usaphila.+ Kanye njengokuba ndaba noMoses, ndiza kuba nawe.+ Andisoze ndikushiye, ndingasoze ndikulahle.+ 6 Yiba nesibindi, womelele,+ kuba nguwe oza kwenza esi sizwana sifumane umhlaba endafunga kookhokho baso ukuba ndiza kubanika.+
7 “Wena nje yiba nesibindi uze womelele kakhulu, uqiniseke ukuba uyawuthobela wonke uMthetho uMoses umkhonzi wam awakuyalela wona. Uze ungawushiyi uye ekunene okanye ekhohlo,+ ukuze wenze ngobulumko naphi na apho uya khona.+ 8 Uze ungayeki ukuthetha ngezinto ezikule ncwadi yoMthetho,+ yaye umele uyifunde ngelizwi eliphantsi* imini nobusuku, ukuze uqinisekise ukuba uyayithobela yonke into ebhalwe kuyo;+ ngaloo ndlela uza kuphumelela uze wenze ngobulumko.+ 9 Ngaba andikuyalelanga? Yiba nesibindi uze womelele. Sukothuka okanye woyike, kuba uYehova uThixo wakho unawe, naphi na apho uya khona.”+
10 Emva koko uYoshuwa wayalela amagosa awayephethe abantu, wathi: 11 “Ngenani enkampini nize nibayalele abantu nithi, ‘Yenzani umphako, kuba kwiintsuku ezintathu niza kuwela iYordan nize ningene nilithathe ilizwe uYehova uThixo wenu aninika lona ukuba nihlale kulo.’”+
12 UYoshuwa wathi kumaRubhen, kumaGadi nakwihafu yesizwe sakwaManase: 13 “Wukhumbuleni umyalelo kaMoses umkhonzi kaYehova awaninika wona,+ othi, ‘UYehova uThixo wenu uniphumzile, ibe uwunike nina lo mhlaba. 14 Abafazi benu, abantwana benu nemfuyo yenu baza kuhlala kumhlaba uMoses aninike wona kweli cala* leYordan,+ kodwa nina makroti+ nimele niwele phambi kwabantakwenu nilungele imfazwe.+ Nimele nibancede 15 kuqala de uYehova abaphumze abantakwenu, njengokuba enzile kuni, nabo bahlale kumhlaba uYehova uThixo wabo abanika wona. Emva koko nani ningabuyela kumhlaba enawunikwayo, umhlaba uMoses umkhonzi kaYehova awaninika wona ngasempuma kweYordan.’”+
16 Bona ke bamphendula uYoshuwa bathi: “Siza kuyenza yonke into osiyalele yona, siye naphi na apho usithuma khona.+ 17 Njengokuba sasimamela yonke into eyayithethwa nguMoses, nawe siza kukumamela. Kwanga uYehova uThixo wakho angakuxhasa njengokuba wayemxhasa uMoses.+ 18 Nabani na ophikisana nawe aze angawuthobeli umyalelo omnika wona umele abulawe.+ Kufuneka nje ube nesibindi, womelele.”+