Duteronomi
33 Nantsi indlela uMoses, umntu kaThixo wokwenene, awawasikelela ngayo amaSirayeli ngaphambi kokuba afe.+ 2 Wathi:
“UYehova wavela eSinayi,+
Wakhazimla phezu kwabo eSehire.
Uzuko lwakhe lwakhanya kummandla weentaba wakwaParan,+
Yaye wayekunye namashumi amawaka eengelosi ezingcwele,+
Ngasekunene ingamakroti akhe.+
5 UThixo waba ngukumkani kaYeshurun,*+
Xa zazidibene iinkosi zabantu,+
Nazo zonke izizwe zakwaSirayeli.+
7 Nantsi intsikelelo awamsikelela ngayo uYuda:+
“Live Yehova ilizwi likaYuda,+
Kwanga ungambuyisela ebantwini bakowabo.
Nabantakwabo akazange abahoye,+
Engazange ahoye noonyana bakhe.
Kuba wathobela ilizwi lakho,
Waza wasigcina isivumelwano sakho.+
Makatshise isiqhumiso esiqholiweyo esilivumba elimnandi kuwe+
Enze nomnikelo opheleleyo esibingelelweni sakho.+
11 Wasikelele Yehova amandla akhe,
Yaye kwanga ungawuthanda umsebenzi wezandla zakhe.
Bophule imilenze* abo balwa naye,
Ukuze abo bamcaphukelayo bangaphinde balwe naye.”
“Lowo uthandwayo nguYehova makahlale ekhuselwe nguye;
Ngoxa emkhusele imini yonke,
Uza kube esemqolo kuye.”*
“Kwanga uYehova angawusikelela umhlaba wakhe+
Ngezinto ezintle zasezulwini,
Awusikelele ngombethe nangamanzi aphuma emithonjeni,+
14 Ngezinto ezintle eziveliswa lilanga
Nangemveliso entle yomhlaba, inyanga nenyanga,+
15 Ngezona zinto zintle kwiintaba zakudala*+
Nangezona zinto zintle zeenduli ekudala zikho,
16 Ngemveliso entle yomhlaba nezinto ezikuwo,+
Akholwe ngabo Lowo owavela kwityholo elinameva.+
Kwanga ezi zinto zingehla phezu kwentloko kaYosefu,
Naselukakayini lwentloko yalowo ukhethiweyo kubantakwabo.+
17 Amandla akhe anjengawezibulo lenkunzi yenkomo,
Yaye iimpondo zakhe zezenkunzi yenkomo yasendle.
Ngazo uza kududula izizwana
Zonke azidudulele kwezona ndawo zikude emhlabeni.
Ezo mpondo ngamashumi amawaka akwaEfrayim,+
Yaye zingamawaka akwaManase.”
19 Baza kubizela abantu ezintabeni.
Baza kubingelela ngemibingelelo yobulungisa apho.
Baza kuthatha kwintabalala yobutyebi beelwandle
Nobuncwane obufihlakeleyo obusesantini.”
“Uza kusikelelwa umntu owandisa imida kaGadi.+
UGadi ulalela njengengonyama,
Ulungele ukuqhawula ingalo, nditsho kwanentloko.
Iinkokheli zabantu ziza kuqokelelana.
Ubulungisa bukaYehova uza kubumela,
Amele nezigwebo zakhe kunye noSirayeli.”
“UDan lithole lengonyama.+
Uza kutsiba ephuma kwaBhashan.”+
“UNafetali wanelisekile kukuthandwa nguThixo
Yaye usikelelwe kakhulu nguYehova.
Hlala entshona nasemzantsi welizwe.”
“UAshere usikelelwe ngoonyana.
Kwanga angathandwa ngabantakwabo,
Aluthi nkxu* eolini unyawo lwakhe.
26 Akekho onjengoThixo wokwenene+ kaYeshurun,+
Onqumla amazulu ezokukunceda
Okhwela amafu ekubungangamsha bakhe.+
28 USirayeli uza kuhlala ekhuselekile,
Inzala* kaYakobi iza kuzihlalela yodwa
Kwilizwe elinokutya okuninzi newayini entsha,+
Elinesibhakabhaka esiza kuthontsiza umbethe.+
Ngubani na onjengawe,+
Isizwe esisindiswa nguYehova,+
Olikhakha lakho elikukhuselayo,+
Nekrele lakho elinobungangamsha?
Iintshaba zakho ziza kungcangcazela phambi kwakho,+
Uze uzinyathele emqolo.”*