IiNdumiso
Kumalathisi. EkaDavide.
14 Izidenge zithi ezintliziyweni zazo:*
“Akekho uYehova.”+
Zineendlela ezijijekileyo, nezinto ezizenzayo ziyenyanyeka;
Akukho mntu wenza izinto ezilungileyo.+
2 Kodwa uYehova ubajongile esezulwini oonyana babantu,
Ufuna ukubona ukuba akanakumfumana na umntu onobulumko, okanye okhangela uYehova.+
Akukho mntu wenza izinto ezilungileyo,
Akukho nokuba abe mnye.
4 Uthetha ukuba akukho namnye kubenzi-bubi ovayo?
Baginya abantu bam ngokungathi batya isonka.
Abathandazi kuYehova.
7 Akwaba uSirayeli angasindiswa yiZiyon!+
Makavuye uYakobi, onwabe uSirayeli
Xa uYehova ebuyisa abantu bakhe abathinjiweyo.