IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe ngeYedutun.* Eka-Asafu.+ Ingoma emnandi.
2 Xa ndisentlungwini ndikhangela uYehova.+
Izandla zam ndizolulela kuye ubusuku bonke,
Ibe andithuthuzeleki.
4 Awuvumi ukuba avaleke amehlo am;
Ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.
6 Ebusuku ndihlala ndikhumbula ingoma yam;*+
Ndizikisa ukucinga entliziyweni yam,+
Ndize ndiphandisise.*
7 Uza kusilahla ngonaphakade na uYehova?+
Akasoze aphinde asamkele na?+
8 Luphele tu na uthando lwakhe olungagungqiyo?
Azizukusifumana zonke na izizukulwana isithembiso sakhe?
10 Ngaba ndimele ndiqhubeke ndisithi: “Nantsi eyona nto indityayo:*+
Oyena Uphakamileyo usijikele”?*
11 Ndiza kuyikhumbula imisebenzi kaYa;
Ndiza kuyikhumbula imimangaliso yakho yakudala.
13 Owu Thixo, iindlela zakho zingcwele.
Nguwuphi na uthixo omkhulu njengawe, wena Thixo?+
14 UnguThixo wokwenene, owenza izinto ezimangalisayo.+
Uzibonisile izizwana ukuba unamandla.+
Atsho ayaluzela amanzi anzulu.
17 Amafu akhupha izantyalantyala zemvula.
Kwasibekela kwaza kwaduduma,
Neentolo zakho zaya ngapha nangapha.+