33 Khwazani nivuya nina malungisa, nivuyela izinto azenzileyo uYehova.+
Bafanele bamdumise abantu abalungileyo.
2 Bulelani kuYehova ngohadi;
Mdumiseni ngengoma nidlala umrhubhe oneentambo ezilishumi.
3 Mculeleni ingoma entsha;+
Yidlaleni ngobuchule kumrhubhe, nikhwaze nivuya.
4 Kuba ilizwi likaYehova lilungile,+
Ibe yonke into ayenzayo ithembekile.
5 Uyabuthanda ubulungisa nokusesikweni.+
Umhlaba ugcwele luthando lukaYehova olungagungqiyo.+
6 Amazulu enziwe ngelizwi likaYehova,+
Yonke into ekuwo yenziwe ngumoya womlomo wakhe.
7 Uqokelela amanzi olwandle ngathi lidama;+
Ufaka amanzi aqukuqelayo koovimba.
8 Wonke umhlaba mawumoyike uYehova.+
Bonke abemi bomhlaba mabamangaliswe nguye.
9 Kuba wathetha, suka kwenzeka;+
Wayalela, kwaza kwaba njalo.+
10 UYehova uye wawagxobha amayelenqe eentlanga,+
Wawenza awaphumelela amacebo ezizwana.+
11 Kodwa zona izigqibo zikaYehova ziza kuma ngonaphakade;+
Iingcinga zentliziyo yakhe zisuka kwesinye isizukulwana ziye kwesinye.
12 Lonwabile uhlanga olunoThixo onguYehova,+
Abantu abanyulileyo balilifa lakhe.+
13 UYehova ujonga phantsi esezulwini;
Ubabona bonke oonyana babantu.+
14 Ubabukele bonke abantu abasemhlabeni,
Ekwindawo ahlala kuyo.
15 Nguye owenza iintliziyo zabo bonke abantu;
Uhlola zonke izinto abazenzayo.+
16 Akukho kumkani usindiswa bubukhulu bomkhosi wakhe;+
Indoda eligorha ayisindiswa ngamandla ayo.+
17 Ukuthembela ekusindisweni lihashe akuncedi nto;+
Amandla alo awakuqinisekisi ukuba uza kusinda.
18 Jonga! Ilihlo likaYehova lihlala libagadile abo bamoyikayo,+
Abo bathembele kuthando lwakhe olungagungqiyo,
19 Ukuze abasindise ekufeni,
Nokuze abagcine bephila ngexesha lendlala.+
20 Sijonge kuYehova.
Ungumncedi wethu nekhaka lethu.+
21 Iintliziyo zethu ziyavuya ngenxa yakhe,
Kuba sithembele kwigama lakhe elingcwele.+
22 Malube kuthi uthando lwakho olungagungqiyo, owu yhini Yehova,+
Ngoxa siqhubeka sijonge kuwe.+