Yobhi
40 UYehova waqhubeka emphendula uYobhi, esithi:
2 “Ngaba umntu umele abone iimpazamo kuSomandla aze alwe naye?+
Makaphendule lowo ukhalimela uThixo.”+
3 UYobhi wathi kuYehova:
Ndingakuphendula ndithini?
Undivale umlomo.+
5 Ndithethe kwakanye, kodwa andizukuphinda ndiphendule;
Kwakabini, kodwa andizukuphinda ndithethe.”
6 Emva koko uYehova wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi somoya+ wathi:
8 Ufuna ukuthandabuza ubulungisa bam* na?
Ufuna ukundigxeka na ukuze ibe nguwe ilungisa?+
10 Khawuzambathise ngozuko,
Ngewonga nesidima.
11 Wuyeke uvuthe umsindo wakho,
Ukhangele wonke umntu onekratshi, uze umthobe.
12 Bakhangele kaloku, uze ubathobe;
Banyathele apho bakhoyo abenzi-bubi.
13 Bogqume bonke ngothuli;
Babophe* uze ubafake kwindawo efihlakeleyo.
14 Ukuba ubungayenza loo nto, nam lo bendiza kuvuma*
Ukuba isandla sakho sasekunene singakusindisa.
15 Khawujonge iBhehemote;* nayo ndayidala njengawe.
Yona itya ingca njengenkunzi yenkomo.
16 Jonga amandla asesinqeni sayo
Namandla akwimisipha yesisu sayo!
17 Umsila wayo uqine okomsedare;
Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
18 Amathambo ayo yimibhobho yekopolo;
Imilenze yayo injengentsimbi.
19 Ithe kratya ngokumangalisa kwizidalwa zikaThixo;
NguMdali wayo kuphela onokusondela kuyo ephethe ikrele.
20 Kuba ukutya kwayo kuvela ezintabeni,
Apho zidlala khona zonke izilwanyana zasendle.
21 Ingqengqa phantsi kwamatyholo anameva,
Kumthunzi weengcongolo ezisemigxobhozweni.
22 Isithwa ngumthunzi wamatyholo anameva,
Ize ingqongwe yimingcunube yasentlanjeni.
23 Ayiphakuzeli naxa umlambo uphuphuma.
Ayibi naxhala nokuba amanzi eYordan+ abetha emlonyeni.
24 Ukhona na umntu onokuyibamba ijongile,
Okanye afake ihaki empumlweni yayo?