Yobhi
3 Ingakucenga na,
Okanye ithethe nawe kakuhle?
4 Ingenza isivumelwano nawe na,
Ukuze ibe likhoboka lakho ubomi bayo bonke?
5 Ungadlala nayo na ngokungathi udlala nentaka,
Okanye uyibophelele ukuze iintombi zakho ezincinci zidlale nayo?
6 Bangathengiselana ngayo na oosomashishini,
Okanye bahlulelane ngayo?
8 Yichukumise nje;
Uza kulikhumbula elo dabi, ungaze uphinde uyibambe!
9 Akukho nethemba lokuba ungaze uyoyise.
Uthi uyijonga nje uphelelwe ngamandla.*
10 Akukho mntu unesibindi sokuyixhokonxa.
Ngubani ke onokumelana nam?+
11 Ngubani ondinike into kuze kufuneke ndimbhatale?+
Kaloku yonke into ephantsi kwamazulu yeyam.+
12 Andizukungathethi ke ngemilenze yayo,
Amandla ayo nomzimba wayo owenziwe ngendlela emangalisayo.
13 Ngubani ongakhulula isambatho sayo?
Ngubani ongangena phakathi kwemihlathi yayo?
14 Ngubani ongavula umlomo wayo?
Kaloku onke amazinyo ayo ayoyikeka.
16 Onke asondelelene kakhulu,
Akukho nomoya ongenayo phakathi kwawo.
17 Ngalinye lithe nca kwelinye;
Abambene nkqi, awanakwahlukaniswa.
18 Kuthi lenye xa ithimla,
Namehlo ayo anjengelitha lakusasa.
19 Kulenyeza imibane emlonyeni wayo;
Kutaka neentlantsi zomlilo.
20 Kuphuma umsi empumlweni yayo,
Njengeziko eliphenjwe ngemizi.
21 Iphefumla kuvuthe amalahle,
Kuphuma nedangatye emlonyeni wayo.
22 Intamo yayo inamandla kakhulu,
Bathi bakuyibona abantu boyike.
23 Izihlunu zayo ziqinile;
Zingwanzilili ngokungathi zifakwe intsimbi.
24 Intliziyo yayo iqine okwelitye,
Okwelitye lokuguba.
25 Ithi yakuphakama koyike namakroti;
Ithi yakushukuma bothuke abantu.
27 Intsimbi ifana nje neendiza kuyo,
Nekopolo ifana nje neenkuni ezibolileyo.
28 Ayiloyiki utolo;
Amatye esilingi ajika abe ziindiza kuyo.
29 Igqudu lifana nje neendiza kuyo,
Iyasihleka nesandi somkhonto.
30 Isisu sayo sinjengeengceba ezibukhali zengqayi;
Ishiya umzila eludakeni ngokungathi sisileyi sokubhula.+
31 Iwatsho abile ngathi asembizeni amanzi anzulu;
Izama-zamisa ulwandle njengembiza yamafutha okuthambisa.
32 Emva kwayo ishiya umzila omenyezelayo.
Ungade ucinge ukuba ulwandle lunezimvi.
33 Akukho nto injengayo emhlabeni;
Sisidalwa esingoyiki kwanto.
34 Ijamela yonke into enekratshi.
Ingukumkani wazo zonke izilwanyana ezikhulu zasendle.”