Eyokuqala YeziKronike
25 Kwakhona, uDavide nabaphathi bamaqela omsebenzi babohlula abanye boonyana baka-Asafu, abakaHeman nabakaYedutun+ ukuze baprofete kukhaliswa iihadi, imirhubhe+ namacangci.+ Nalu uluhlu lwamadoda awayekhethiwe ukuba enze lo msebenzi, 2 koonyana baka-Asafu: yayinguZakure, uYosefu, uNetaniya noAsharela, oonyana baka-Asafu ababephethwe nguAsafu, owayeprofeta esalathiswa ngukumkani. 3 KuYedutun:+ koonyana bakaYedutun, yayinguGedaliya, uTseri, uYeshaya, uShimeyi, uHashabhiya noMatitiya,+ bebathandathu, besalathiswa ngutata wabo uYedutun, owayeprofeta kukhaliswa uhadi, ebulela yaye edumisa uYehova.+ 4 KuHeman,+ koonyana bakaHeman: yayinguBhukiya, uMataniya, u-Uziyeli, uShebhuweli, uYerimoti, uHananiya, uHanani, uEliyata, uGidaleti, uRomamti-ezere, uYoshebhekasha, uMaloti, uHotire noMahaziyoti. 5 Bonke aba yayingoonyana bakaHeman, imboni kakumkani ezintweni ezingoThixo wokwenene ukuze azukiswe.* UThixo wokwenene wanika uHeman oonyana abayi-14 neentombi eziyi-3. 6 Bonke aba babesalathiswa ngutata wabo kwinkonzo yokucula endlini kaYehova, nokukhalisa amacangci, imirhubhe neehadi+ kwindlu kaThixo wokwenene.
Ukumkani wayesalathisa uAsafu, uYedutun noHeman.
7 Inani labo bonke nelabantakwabo ababeqeqeshelwe ukuculela uYehova, bonke beziincutshe, laliyi-288. 8 Benza amaqashiso+ besabelana ngomsebenzi, omncinci efana nomkhulu, incutshe kunye nomfundi.
9 Iqashiso lokuqala lalilelika-Asafu yaye lawela kuYosefu,+ elesibini lawela kuGedaliya+ (yena nabantakwabo noonyana bakhe beyi-12). 10 Elesithathu lawela kuZakure,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 11 Elesine lawela kuItseri, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 12 Elesihlanu lawela kuNetaniya,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 13 Elesithandathu lawela kuBhukiya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 14 Elesixhenxe lawela kuYesharela, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 15 Elesibhozo lawela kuYeshaya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 16 Elesithoba lawela kuMataniya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 17 Eleshumi lawela kuShimeyi, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 18 Ele-11 lawela kuAzareli, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 19 Ele-12 lawela kuHashabhiya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 20 Ele-13 lawela kuShubhayeli,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 21 Ele-14 lawela kuMatitiya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 22 Ele-15 lawela kuYeremoti, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 23 Ele-16 lawela kuHananiya, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 24 Ele-17 lawela kuYoshebhekasha, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 25 Ele-18 lawela kuHanani, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 26 Ele-19 lawela kuMaloti, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 27 Ele-20 lawela kuEliyata, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 28 Ele-21 lawela kuHotire, koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 29 Ele-22 lawela kuGidaleti,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 30 Ele-23 lawela kuMahaziyoti,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12. 31 Ele-24 lawela kuRomamti-ezere,+ koonyana bakhe nakubantakwabo, beyi-12.