IMizekeliso
2 Kanye njengokuba intaka inesizathu sokubhabha nenkonjane inesizathu sokuphaphazela,
Nomntu akaqalekiswa ngaphandle kwesizathu.
9 Linjengesityalo esinameva esandleni senxila
Iqhalo elisemlonyeni wezidenge.
10 Unjengomtoli odubula aze enzakalise nabani na
Umntu oqesha isidenge okanye abantu nje abadlulayo.
12 Wakha wambona na umntu ocinga ukuba usisilumko?+
Kukho ithemba ngakumbi ngesidenge kunaye.
15 Ivila lisifaka sitshone isandla kwisitya esinokutya,
Kodwa liyonqena ukusikhupha lisise emlonyeni.+
16 Ivila licinga ukuba lilumke ngakumbi
Kunabantu abasixhenxe abaphendula into ebhadlileyo.
17 Unjengomntu othi nqaku inja ngeendlebe
Umntu othi edlula suke abe nomsindo ngengxabano* engafuni yena.+
18 Unjengomntu ophambeneyo odubula ngeentolo zomlilo ezibulalayo
20 Xa zingekho iinkuni, uyacima umlilo,
Naxa engekho umntu ongcolisa amagama abanye, iyaphela ingxabano.+
22 Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;*
Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+
24 Umntu obacaphukelayo abanye uyayifihla loo nto ngezinto azithethayo,
Kodwa ngaphakathi abe efukame ubuxoki.
25 Nangona ethetha kamnandi, ungaze umthembe,
Kuba kukho izinto ezisixhenxe ezenyanyekayo entliziyweni yakhe.*
26 Nangona eyifihle ngamaqhinga inzondo yakhe,
Inkohlakalo yakhe yona iza kubhencwa ebandleni.