Yobhi
6 UYobhi waphendula wathi:
3 Kuba ngoku inzima ngaphezu kwesanti yolwandle.
Yiloo nto ndibhuda.+
4 Kuba iintolo zikaSomandla zindihlabile,
Ibe ndisela ityhefu yazo;+
UThixo undihlasela ngothotho lwezinto ezoyikekayo.
6 Ukutya okungenancasa kuyatyiwa na ngaphandle kwetyiwa,
Yona incindi yegontsi inayo na incasa?
7 Andifuni nokuzibona ezo zinto.
Zifana neentsholongwane ekutyeni kwam.
8 Owu akwaba isicelo sam singaviwa
Aze uThixo andinike into endiyifunayo!
10 Bendakuthuthuzelwa kwayileyo;
Bendakutsibatsiba ndivuya nangona ndingcungcutheka,
Kuba andikhange ndiphikisane namazwi aLowo Ungcwele.+
11 Ndiza kunyamezela kude kube nini?+
Ndisaphilela ntoni?
12 Ndililitye na kakade?
Khona, ndenziwe ngekopolo?
13 Ndiza kuzinceda njani
Kungekho mntu undincedisayo?
16 Inamanzi amdaka anomkhenkce,
Nekhephu linyibilikela kuyo.
17 Kodwa ngexesha elifanelekileyo iyoma, iphele tu;
Kuthi kusakutshisa yome nko.
18 Loo mifula iya isoma;
Ihamba iye kufika entlango ize inyamalale.
20 Baneentloni kuba ithemba labo libadanisile;
Bafike apho baphoxeka.
22 Ikhona na into ebendikhe ndayicela kuni?
Okanye bendikhe ndanicela ukuba nenze isipho egameni lam?
23 Bendikhe ndanicela na ukuba nindihlangule kutshaba?
Khona, bendikhe ndathi ndihlanguleni kubantu abacinezelayo?
25 Amazwi xa eyinyani awahlabi!+
Kodwa kunceda ngantoni ukukhalinyelwa nini?+
26 Ngaba nifuna ukulungisa amazwi endiwathethileyo,
Amazwi omntu osel’ encamile,+ naphetshethwa ngumoya?
28 Khanijike nindijonge,
Kuba mna soze ndinixokise.
29 Khaniphinde niyicinge le nto, ndiyanicela, sanukundityhola;
Niyabona nani ukuba ndiselilungisa, andikagungqi.
30 Bendikhe ndayithetha na into engekhoyo?
Andikwazi kuyiva na into xa ingeyonyani?