Yobhi
5 “Khawukhwaze ngoku, ubone ukuba ukhona na umntu oza kukuphendula.
Nguwuphi kwabangcwele oza kubalekela kuye?
2 Kuba isidenge siza kubulawa yinzondo,
Nalowo uqhatheka lula uza kubulawa likhwele.
3 Ndimbonile osisidenge emila iingcambu,
Kodwa suka yaqalekiswa indlu yakhe.
5 Ukutya akutyalileyo kutyiwa ngolambileyo,
Kude kuthathwe nokuphakathi kwameva,
Axuthelwe nezinto zakhe.
6 Kuba izinto ezibuhlungu azithi gqi eluthulini,
Neenkathazo aziphumi emhlabeni.
7 Kuba umntu uzalelwe ukuba neenkathazo,
Kanye njengokuba nomlilo usiba neentlantsi.
8 Kodwa mna bendiza kucenga uThixo,
Ndisise kuye isicelo sam,
9 KuLowo wenza izinto ezinkulu ekunzima ukuziqonda,
Izinto ezimangalisayo ezingenakubalwa.
10 Unethisa imvula emhlabeni,
Uthumela amanzi emasimini.
11 Uyawaphakamisa amahlwempu,
Aze abasindise abo baxhwalekileyo.
12 Uwenza apatyalake amaqhinga amaqhophololo,
Ukuze zingaphumeleli izinto azenzayo.
14 Kuba mnyam’ emini kuzo,
Ziphuthaphuthe emini emaqanda ngokungathi kusebusuku.
15 Usindisa abantu kumazwi azo ahlaba njengekrele,
Asindise namahlwempu esandleni sabanamandla,
16 Ukuze abangathathi ntweni babe nethemba,
Bavalwe umlomo abangalunganga.
17 Jonga! Wonwabile umntu olulekwa nguThixo;
Ngoko sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!
18 Kuba ubangela iintlungu, aze aphinde alibophe elo nxeba;
Uyenzakalisa, aze aphinde aphilise ngezandla zakhe.
19 Uza kukusindisa kwiintlekele ezintandathu,
Neyesixhenxe ayizukukwenzakalisa.
20 Uza kukusindisa ekufeni ngexesha lendlala,
Nakwikrele ngexesha lemfazwe.
22 Uza kuyihleka intshabalalo nendlala,
Ibe awuzukuzoyika izilwanyana zasendle.
24 Uza kuqiniseka ukuba intente yakho ikhuselekile,*
Ibe uza kufika yonke imfuyo iphelele kumadlelo akho.
25 Uza kusikelelwa ngabantwana abaninzi,
Nenzala yakho ibe ninzi okwengca.
26 Uza kuya engcwabeni usesemandleni,
Njengezithungu zengqolowa evunwa ngexesha layo.
27 Jonga! Siyiphandile yonke le nto, ibe injalo.
Mamela nje wena uyamkele.”