Yobhi
18 UBhiledadi+ umShuha waphendula wathi:
2 “Niza kuyeka nini ukuthetha ezi zinto nizithethayo?
Khanibuyele ezingqondweni, sizokutsho sithethe.
4 Nokuba ungade uzikrazule ngomsindo,
Umhlaba awuzukuba yinkangala,
Namawa asuke ezindaweni zawo ngenxa yakho.
6 Kuza kuba mnyama ezintenteni zabo,
Nezibane zabo ziza kucinywa.
8 Kuba iinyawo zabo ziza kubakhokelela emnatheni,
Ibe baza kubambiseka kuwo.
10 Bafihlelwe intambo emhlabeni;
Babekelwe isibatha endleleni yabo.
13 Ulusu lwabo luza kuyucuka,
Imizimba yabo igqitywe sisifo esoyikekayo.
16 Ziza koma iingcambu zabo,
Abune namasebe abo.
17 Baza kulibaleka emhlabeni,
Namagama abo angaziwa.
18 Baza kususwa ekukhanyeni, baqhutyelwe ebumnyameni,
Bagxothwe nasemhlabeni.
19 Abazukuba nanzala nasizukulwana phakathi kwabantu babo,
Kungabikho bantwana babo basindayo.
20 Xa kufika usuku lwabo, abantu baseNtshona baza kothuka,
Bona abaseMpuma batyhwatyhwe.
21 Yiloo nto ke eza kwenzeka kubantu abanobubi,
Nakwindawo yabantu abangamfuniyo uThixo.”