Isaya
62 Ngenxa yokuba ndiyithanda iZiyon andizukuthula,+
Nangenxa yokuba ndiyithanda iYerusalem andizukuzola
De ubulungisa bayo bube njengokukhanya okuqaqambileyo,+
Nokusindiswa kwayo kuvuthe oku kwesibane.+
Yaye uza kubizwa ngegama elitsha,+
Eliza kuphuma emlonyeni kaYehova.
3 Uza kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova,
Neqhiya yasebukhosini esandleni sikaThixo wakho.
4 Iphelile into yokuba kuthiwe kuwe ungumfazi olahliweyo,+
Kungazukuphinda kuthiwe ilizwe lakho litshabalele.+
Kodwa uza kubizwa kuthiwe, Uvuyo Lwam Lukuye,+
Nelizwe lakho kuthiwe, Mfazi Otshatileyo.
Kuba uYehova uza kuvuyiswa nguwe,
Nelizwe lakho liza kuba ngathi ngumfazi otshatileyo.
5 Kuba kanye njengomfana otshata intombi engazange yalala nandoda,
Oonyana bakho baza kukutshata.
Kanye njengokuba umyeni evuyela umakoti wakhe,
NoThixo wakho uza kuvuya ngenxa yakho.+
6 Ndithumele oonogada phezu kweendonga zakho Yerusalem.
Bafanele bathethe bangayeki, imini nobusuku.
Nina nithetha ngoYehova,
Sanukuphumla,
7 Ningamphumzi uThixo de ayilungise ngokupheleleyo iYerusalem,
De ibe yindumiso yomhlaba.”+
8 Ephakamisa isandla sakhe sasekunene, ingalo yakhe eyomeleleyo, uYehova ufunge wathi:
“Andiphindi ndiyeke iintshaba zakho zizithaphulele ekutyeni kwakho okuziinkozo,
Futhi abasemzini abazukuyisela newayini yakho entsha oyisebenzele nzima.+
9 Kodwa abantu abaye bakuqokelela ukutya okuziinkozo baza kukutya baze badumise uYehova;
Nabantu abaqokelela iwayini baza kuyiselela kwiiyadi zam ezingcwele.”+
10 Nqumlani, nqumlani ezigeyithini.
Vulelani abantu indlela.+
Yakhani, yakhani uhola wendlela.
Susani amatye kuyo.+
Phakamiselani abantu uphawu.*+
11 Jongani! UYehova uvakalise la mazwi kwezona ndawo zikude emhlabeni:
“Yithini kwintombi yaseZiyon,
‘Jonga! Ukusindiswa kwakho kuyeza.+
Jonga! UThixo uwuphethe umvuzo,
Nentlawulo ayihlawulayo iphambi kwakhe.’”+