IiNdumiso
EkaDavide.
138 Ndiza kukudumisa ngentliziyo yam yonke.+
Phambi kwabanye oothixo,
Ndiza kukudumisa ngengoma.*
2 Ndiza kuqubuda ndijonge ngasetempileni yakho engcwele,*+
Ibe ndiza kulidumisa igama lakho+
Ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo nokuthembeka kwakho.
Kuba uliphakamise ngaphezu kwento yonke ilizwi lakho negama lakho.*
7 Kwanaxa ndihamba engozini, wena uyandikhusela.+
Uzolulela isandla iintshaba zam;
Ndiza kusindiswa sisandla sakho sasekunene.
8 UYehova uza kwenza izinto ezimangalisayo ngenxa yam.