Yeremiya
Kodwa kutheni bephumelela abantu abangalunganga,+
Yaye kutheni abo banamaqhinga bengenaxhala?
2 Ubatyalile yaye bamile iingcambu.
Baye bahluma baza bavelisa isiqhamo.
Usemilonyeni yabo, kodwa ezintliziyweni* abakukhathalelanga.+
3 Kodwa wena Yehova undazi kakuhle,+ uyandibona;
Uyihlolile intliziyo yam, wabona ukuba imanyene nawe.+
Bakhethe njengegusha eza kuxhelwa,
Babekele bucala ukwenzela imini abaza kubulawa ngayo.
Ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabantu abahlala apho,
Izilo neentaka zitshayelwe.
Kuba bathe: “Akayiboni into eza kwenzeka kuthi.”
Uziva ukhuselekile kwilizwe elinoxolo,
Kodwa ke uza kuthini xa uphakathi kwamatyholo asecaleni kweYordan?
Bakunqwenelele izinto ezimbi.
Sukuthembela kubo,
Nokuba bathetha izinto ezilungileyo kuwe.
7 “Ndiyishiyile indlu yam;+ ndililahlile ilifa lam.+
Abo ndibathanda kakhulu ndibanikele kwiintshaba zabo.+
8 Ilifa lam liye laba njengengonyama esehlathini.
Liye landigragramela.
Yiloo nto ndiye ndalicaphukela.
9 Kum ilifa lam linjengentaka emibalabala* etya inyama;
Ezinye iintaka ezitya inyama ziyayijikeleza zize ziyihlasele.+
Yizani, qokelelanani nonke nina marhamncwa asendle;
Yizani nize nitye.+
Umhlatyana wam endiwuthandayo bawujike wayintlango eyomileyo.
11 Uye woma.
Kodwa akukho mntu uyihoyileyo loo nto.+
12 Abatshabalalisayo baye beza ngazo zonke iindlela ezonakeleyo zasentlango,
Kuba ikrele likaYehova liqwenga ukususela kwesinye isiphelo selizwe ukuya kwesinye.+
Akukho xolo phakathi kwabo bonke abantu.
13 Batyale ingqolowa, kodwa bavuna ameva.+
Baye bazinxaphisa ngokusebenza, kodwa akukho nto bayifumanayo.
Baza kuba neentloni ngesivuno sabo
Ngenxa yomsindo omkhulu kaYehova.”
14 Uthi uYehova: “Bonke abamelwane bam abangalunganga, abachukumisa ilifa endalinika abantu bam amaSirayeli,+ ndiyabancothula emhlabeni wabo,+ nendlu kaYuda ndiza kuyincothula phakathi kwabo. 15 Kodwa emva kokuba ndibancothule, ndiza kuphinda ndibenzele inceba ndize ndibuyisele ngamnye kwilifa lakhe nakwilizwe lakhe.”
16 “Ukuba baye baqinisekisa ukuba bafunda iindlela zabantu bam baza bafunga egameni lam, besithi, ‘Ephila nje uYehova!’ kanye ngendlela abaye bafundisa ngayo abantu bam ukuba bafunge ngoBhahali, baza kutsho bahlale phakathi kwabantu bam. 17 Kodwa ukuba baye abafuna ukuthobela, ndiza kuluncothula olo hlanga, ndiluncothule ndize ndilutshabalalise,” utsho uYehova.+