IiNdumiso
3 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele.+
Mazivuye iintliziyo zabo bafuna uYehova.+
4 Funani uYehova+ namandla akhe.
Hlalani nibufuna ubuso* bakhe.
5 Khumbulani izenzo zakhe ezimangalisayo,
Imimangaliso yakhe nokugweba kwakhe,+
6 Nina nzala* ka-Abraham umkhonzi wakhe,+
Nina bonyana bakaYakobi, abakhethiweyo bakhe.+
Ugweba umhlaba wonke.+
8 Usikhumbula ngonaphakade isivumelwano sakhe,+
Isithembiso awasenza* kwizizukulwana eziliwaka,+
9 Isivumelwano awasenza noAbraham,+
Nesifungo awasifungela uIsake,+
10 Eso wasimisela saba sisigwebo kuYakobi
Nesivumelwano esiza kuhlala sihleli kuSirayeli,
11 Esithi, “Ndiza kukunika ilizwe laseKanan+
Libe lilifa lakho.”+
14 Zange avumele namnye umntu abacinezele,+
Kodwa wakhalimela ookumkani ngenxa yabo,+
15 Esithi, “Ningabachukumisi abantu bam endibakhethileyo,
Ningenzi izinto ezimbi nakubaprofeti bam.”+
18 Bazibopha* ngamakhamandela iinyawo zakhe,+
Nentamo yakhe bayifaka kwiintsimbi*
19 De zenzeka izinto awayethethe ngazo,+
Zamsulungekisa izinto ezathethwa nguYehova.
21 Wamenza umphathi endlini yakhe,
Nomlawuli wazo zonke izinto anazo,+
22 Ukuze aphathe* iinkosana zakhe ngendlela abona ngayo
Nokuze afundise abadala bakhe ubulumko.+
24 UThixo wabenza banda kakhulu abantu bakhe;+
Wabenza banamandla ngaphezu kweentshaba zabo,+
25 Ezo waziyekayo zatshintsha iintliziyo zazo zaza zabacaphukela abantu bakhe,
Zabenzela amayelenqe abakhonzi bakhe.+
33 Wayivuthulula imithi yazo yeediliya neyamafiya,
Wayibhuqa imithi yommandla wazo.
35 Zabudla bonke utyani elizweni,
Zayidla nemveliso yomhlaba.
37 Wabakhupha abantu bakhe bephethe isilivere negolide;+
Ibe akukho namnye kwizizwe zakhe owakhubekayo.
39 Wavelisa ilifu ukuze liwakhusele+
Nomlilo ukuze uwakhanyisele ebusuku.+
42 Kuba wakhumbula isithembiso esingcwele awasenza kuAbraham umkhonzi wakhe.+
44 Wabanika amazwe eentlanga;+
Baxhamla imveliso yomsebenzi onzima wezinye izizwe,+
45 Ukuze bagcine imimiselo yakhe,+
Bathobele nemithetho yakhe.
Dumisani uYa!*