Ingoma Yokunyuka.
121 Ndiwaphakamisela ezintabeni amehlo am.+
Luza kuvela phi na uncedo lwam?
2 Uncedo lwam luvela kuYehova,+
UMenzi wezulu nomhlaba.
3 Akasoze avumele unyawo lwakho lutyibilike.+
Lowo ukugadileyo akasoze ozele.
4 Jonga! Akasoze ozele, engasoze alale
Lowo ugade uSirayeli.+
5 UYehova ukugadile.
UYehova ngumthunzi+ wakho ngasekunene kwakho.+
6 Ilanga alizukukutshisa emini,+
Ingazukukwenza nto nenyanga ebusuku.+
7 UYehova uza kukukhusela kuzo zonke iingozi.+
Uza kubukhusela ubomi bakho.+
8 UYehova uza kukukhusela kuyo yonke into oyenzayo
Ngoku nangonaphakade.