Eyokuqala YeziKronike
26 Nanga amaqela oonogada basegeyithini:+ kumaKora, uMeshelemiya+ unyana kaKore woonyana baka-Asafa. 2 UMeshelemiya wayenoonyana: uZekariya wayelizibulo, uYediyayeli engowesibini, uZebhadiya engowesithathu, uYateniyeli engowesine, 3 uElam engowesihlanu, uYehohanan engowesithandathu, uEliyeho-henayi engowesixhenxe. 4 UObhedi-edom wayenoonyana: uShemaya wayelizibulo, uYehozabhadi engowesibini, uYowa engowesithathu, uSakare engowesine, uNetaneli engowesihlanu, 5 uAmiyeli engowesithandathu, uIsakare engowesixhenxe, uPewuletayi engowesibhozo, kuba uThixo wayemsikelele.
6 UShemaya unyana wakhe wazalelwa oonyana ababelawula indlu katata wabo, kuba babengamadoda anamandla nafanelekileyo. 7 Oonyana bakaShemaya: yayinguOteni, uRefayeli, uObhedi noElzabhadi, yaye uElihu noSemakiya abantakwaboElzabhadi nabo babengamadoda afanelekileyo. 8 Bonke aba babengoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo nabantakwabo babengamadoda afanelekileyo ukuba enze umsebenzi, beyi-62 bengabakaObhedi-edom. 9 UMeshelemiya+ wayenoonyana nabantakwabo, bengamadoda afanelekileyo ayi-18. 10 UHosa woonyana bakaMerari wayenoonyana. UShimri wayeyintloko, kuba nangona wayengelilo izibulo utata wakhe wamkhetha ukuba abe yintloko, 11 uHilekiya wayengowesibini, uTebhaliya engowesithathu, uZekariya engowesine. Bonke oonyana nabantakwaboHosa babeyi-13.
12 Kula maqela oonogada basegeyithini, amadoda aziintloko ayenezabelo njengabantakwabo, ezikukusebenza endlini kaYehova. 13 Benza amaqashiso,+ bewenzela omncinci nomkhulu ngokwezindlu zootata babo, ukuze kukhethwe ukuba igeyithi nganye iza kunikwa bani. 14 Iqashiso lasempuma lawela kuShelemiya. NoZekariya unyana wakhe ongumcebisi onengqiqo, wenzelwa amaqashiso, laza elakhe laba semntla. 15 ElikaObhedi-edom laba semzantsi, yaye oonyana bakhe+ babelwa koovimba. 16 ElikaShupim noHosa+ lalisentshona, kufuphi neGeyithi IShalekete ngakuhola wendlela onyukayo, iqela loonogada limelene nelinye iqela loonogada, 17 empuma kwakukho abaLevi abathandathu, emntla kwakubakho abane ngosuku, nasemzantsi bebane ngosuku, yaye koovimba+ kwakubakho ababini ngababini, 18 everandeni ngasentshona, babebane kuhola wendlela,+ yaye bebabini everandeni. 19 La yayingamaqela asegeyithini oonyana bamaKora nabamaMerari.
20 KubaLevi, uAhiya wayejongene nobutyebi bendlu kaThixo wokwenene nobutyebi bezinto ezenziwe ngcwele.*+ 21 Oonyana bakaLadan: yayingoonyana bomGershon ongokaLadan, iintloko zezindlu zikaLadan umGershon, uYehiyeli+ 22 noonyana bakaYehiyeli, uZetam noYoweli umntakwabo. Babejongene nobutyebi bendlu kaYehova.+ 23 Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron nakumaUziyeli,+ 24 uShebhuweli unyana kaGershom unyana kaMoses wayeyinkokheli ejongene noovimba. 25 Kubantakwabo, kwaEliyezere+ kwakukho uRehabhiya+ unyana wakhe, uYeshaya unyana wakhe, uYoram unyana wakhe, uZikri unyana wakhe noShelomoti unyana wakhe. 26 Lo Shelomoti nabantakwabo babejongene nabo bonke ubutyebi bezinto ezenziwa ngcwele+ nguKumkani uDavide,+ iintloko zezindlu zootata babo,+ iintloko zamawaka nezamakhulu, neentloko zomkhosi. 27 Kwenziwa ngcwele izinto ezazoxuthwe+ ezimfazweni,+ ukuze igcinwe isemgangathweni indlu kaYehova. 28 Babekwajongene nazo zonke izinto ezenziwa ngcwele nguSamuweli imboni,+ uSawule unyana kaKishe, uAbhinere+ unyana kaNere noYowabhi+ unyana kaTseruya.+ UShelomiti nabantakwabo babejongene nazo zonke izinto ezazenziwe ngcwele nguye nabani na.
29 KumaItsare,+ uKenaniya noonyana bakhe babelwa umsebenzi wokuphatha ngaphandle, bengamagosa nabagwebi+ phezu koSirayeli.
30 KumaHebron,+ uHashabhiya nabantakwabo, amadoda afanelekileyo ayi-1 700, babephethe uSirayeli kummandla osentshona yeYordan, nawo wonke umsebenzi kaYehova nenkonzo kakumkani. 31 KumaHebron, uYeriya+ wayeyintloko yamaHebron ngokomnombo wendlu katata wakhe. Ngonyaka we-40 wolawulo lukaDavide+ kwakhangelwa kumaHebron, kwaza kwafunyanwa amadoda anamandla nafanelekayo eYazere,+ eGiliyadi. 32 Abantakwabo babengamadoda afanelekileyo ayi-2 700, eziintloko zezindlu zootata babo. Ngoko ke uKumkani uDavide wawabela ukuba aphathe amaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase, kuyo yonke imibandela kaThixo wokwenene nemibandela kakumkani.