Isaya
57 Umntu olilungisa unyamalele,
Kodwa akukho mntu uyikhathaleleyo loo nto.
2 Ungena eluxolweni.
Onke amalungisa aphumle ezibhedini zawo.*
3 “Sondelani apha ke nina,
Nina bonyana bomthakathi,
Bantwana bomfazi olala nendoda engeyoyakhe, umfazi othengisa ngomzimba:
4 Nihlekisa ngabani?
Nikhamisela bani, ngubani lo nimnyonyozelayo?
Aningobantwana besono na,
Abantwana bobumenemene,+
5 Abantwana abatshiseka yinkanuko phakathi kwemithi emikhulu,+
Phantsi kwayo yonke imithi echumileyo,+
Nigwinta abantwana ezintlanjeni+
Naphantsi kweemfanta zeliwa?
6 Ukhethe amatye agudileyo asentlanjeni.+
Wona asisahlulo sakho.
Ugalela kwalapha kuwo umnikelo oselwayo uze uwanike nezipho.+
Uthi ke mna mandaneliswe* zezi zinto?
8 Umisa isikhumbuzo sakho emva kocango nomgubasi.
Undishiyile waza wazibhenca;
Uye wenyuka waza wafika wandisa ibhedi yakho.
Kwaye wena uye wenza isivumelwano kunye nezithixo zakho.
Wathumela nabathunywa bakho kwiindawo ezikude,
Nto leyo ekwenza wehlele engcwabeni.*
10 Uye wazithwalisa ubunzima ulandela ezi ndlela zakho zininzi,
Kodwa awutsho ukuba, ‘Akukho themba!’
Kunoko, usuke waphinda wanamandla.
Yiloo nto unganikezeli nje.*
Kaloku wena uye wandilibala.+
Ubungandihoyanga.+
Andithi mna ndiye ndathi cwaka, ndakuvula?*+
Ngoko uye wandibonisa ukuba awundoyiki.
12 Ndiza kuqinisekisa ukuba kuyaziwa oku kuzenza ilungisa kwakho+ nale misetyenzana yakho,+
Kunjalo nje, ezi zinto azizukukunceda nganto.+
Ziza kuphephetheka zimke nomoya.
Ziza kuphephethekiswa kukuvuthelwa nje,
Kodwa umntu obalekela kum uza kufumana ilizwe njengelifa
Nentaba yam engcwele ibe lilifa lakhe.+
14 Kuza kuthiwa, ‘Yakhani, yakhani indlela! Lungisani indlela!+
Susani zonke izikhubekiso endleleni yabantu bam.’”
15 Kuba nantsi into ethethwa ngoPhezulu, Lowo Uphakamileyo,
“Ndihlala kwindawo ephakamileyo nengcwele,+
Kodwa ndikwakunye nabo batyumkileyo nabanomoya othobekileyo,
Ukuze ndivuselele umoya wabo bathobekileyo
Ukuze ndivuselele intliziyo yabo batyumkileyo.+
16 Kuba andizukuxabana nabo ngonaphakade
Ndingazukuhlala ndicaphukile;+
Kuba ukuba ndingayenza loo nto, umntu ebeza kuphelelwa ngamandla ngenxa yam,+
Ngokunjalo nezidalwa eziphefumlayo ezidalwe ndim.
17 Kwakundicaphukisa ukuleqana kwakhe nesono sokufuna ukufumana inzuzo ngokunyoluka,+
Ngoko ndambetha, ndibufihla ubuso bam, ndicaphukile.
Kodwa waqhubeka ehamba njengomntu ongathobeliyo,+ elandela indlela yentliziyo yakhe.
18 Ndizibonile iindlela zakhe,
Kodwa ndiza kubaphilisa+ ndize ndibakhokele+
Ndize ndiphinde ndithuthuzele*+ yena nabantu bakhe abazilileyo.”+
19 “Ndidala isiqhamo semilebe.
Lowo ukude nalowo ukufuphi, uza kuhlala enoxolo,”+ utsho uYehova,
“Ibe ndiza kumphilisa.”
20 “Kodwa abantu abangalunganga banjengolwandle olulwayo olungakwazi kuzola,
Olunamanzi amane evumbulula ukhula lwaselwandle nodaka.”