Kubalisa uMarko
8 Ngaloo mihla, kwaphinda kwabakho abantu abaninzi, bengenanto yakutya. Ngoko uYesu wabiza abafundi bakhe, wathi kubo: 2 “Ndiyabasizela aba bantu,+ kuba sekuphele iintsuku ezintathu belapha, ibe abanakutya.+ 3 Ukuba ndithi mabagoduke belambile,* baza kufeyinta endleleni, kwaye abanye babo basuka kude kakhulu.” 4 Kodwa abafundi bakhe bathi kuye: “Siza kuzithatha phi izonka ezinokwanela aba bantu bangaka, sikwindawo esecaleni nje?” 5 Wababuza wathi: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi: “Zisixhenxe.”+ 6 Wathi abo bantu mabahlale phantsi. Wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona bazinika abantu.+ 7 Babenazo neentlanzana ezimbalwa, ibe emva kokuba ethandazile,* wathi nazo mabazinike abantu. 8 Ngoko batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi ezinkulu ezisixhenxe zigcwele ngamaqhekeza ashiyekileyo.+ 9 Kwakukho amadoda amalunga ne-4 000 apho. Ekugqibeleni wathi mabagoduke abo bantu.
10 Ngoko nangoko wakhwela isikhephe nabafundi bakhe, baya kummandla waseDalmanutha.+ 11 Kweza abaFarisi, baphikisana naye, befuna abenzele ummangaliso ovela ezulwini, ukuze bamlinge.+ 12 Wakhathazeka kakhulu wathi: “Kutheni esi sizukulwana sifuna ummangaliso?+ Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho mmangaliso siza kuwenzelwa esi sizukulwana.”+ 13 Emva koko wabashiya, waphinda wakhwela esikhepheni, waya kunxweme olungaphesheya.
14 Abafundi bakhe balibala ukuphatha izonka, ngoko babengaphethanga kwanto esikhepheni ngaphandle kwesonka esinye.+ 15 Wabalumkisa esithi: “Hlalani nithe qwa, nililumkele igwele labaFarisi negwele likaHerode.”+ 16 Ngoko baxambulisana ngokungabi nazonka kwabo. 17 Eyazi loo nto, wathi kubo: “Kutheni nizikhathaza ngokungabikho kwezonka? Anikacacelwa na nangoku? Azikaqondi nangoku na iintliziyo zenu? 18 ‘Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na?’ Anikhumbuli na 19 xa ndaqhekezela abantu abayi-5 000 izonka ezihlanu,+ ukuba zingaphi iibhaskithi ezigcwele amaqhekeza enaziqokelelayo?” Bathi: “Ziyi-12.”+ 20 “Xa ndaqhekezela abantu abayi-4 000, zingaphi iibhaskithi ezigcwele amaqhekeza ezashiyekayo?” Bathi: “Zisixhenxe.”+ 21 Emva koko wathi kubo: “Anikacacelwa ke nangoku?”
22 Bamisa eBhethesayida. Apho abantu bamzisela umntu oyimfama, baza bamcenga ukuba amchukumise.+ 23 Wambamba ngesandla, waphuma naye kuloo lali. Emva kokuba emtshicele emehlweni,+ wambeka izandla, waza wambuza wathi: “Ubona ntoni?” 24 Loo mntu waphakamisa intloko waza wathi: “Ndibona abantu, kodwa babonakala ngathi yimithi ehambayo.” 25 Waphinda uYesu wabeka izandla emehlweni akhe, waza wabona kakuhle. Waphiliswa, waza wabona yonke into kakuhle. 26 Ngoko wathi makagoduke, esithi: “Sukubuyela kule lali.”
27 UYesu nabafundi bakhe bemka baya kwiilali zaseKesareya Filipi, yaye endleleni wabuza abafundi bakhe, esithi: “Abantu bathi ndingubani?”+ 28 Bathi kuye: “Bathi unguYohane umBhaptizi,+ kodwa abanye bathi unguEliya,+ kanti abanye bathi ungomnye wabaprofeti.” 29 Emva koko wathi kubo: “Nina, nithi ndingubani?” UPetros wathi: “UnguKristu.”+ 30 Ngoko wabayala kabukhali ukuba bangaxeleli mntu ngaye.+ 31 Kwakhona, wabafundisa ukuba uNyana womntu umele eve iintlungu ezininzi aze adelelwe ngabadala, ngababingeleli abaziintloko nangababhali, abulawe,+ aze avuke emva kweentsuku ezintathu.+ 32 Wayeyithetha phandle loo nto. Kodwa uPetros wambizela ecaleni, wamnqanda.+ 33 UYesu wajika, wajonga kubafundi bakhe, waza wamngxolisa uPetros, wathi: “Yiya emva kwam, Sathana! kuba awucingi njengoThixo, kodwa ucinga njengabantu.”+
34 UYesu wabiza abantu kunye nabafundi bakhe, wathi kubo: “Nabani na ofuna ukundilandela, makazincame, athwale isibonda sakhe sokungcungcutheka* aze aqhubeke endilandela.+ 35 Kuba nabani na ofuna ukusindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, kodwa nabani na olahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo zikaThixo, uza kubusindisa.+ 36 Nyhani ke, kunceda ngantoni ukuba umntu afumane ihlabathi lonke, kodwa alahlekelwe bubomi bakhe?+ 37 Okanye umntu angabuthenga ngantoni ubomi bakhe?+ 38 Kaloku nabani na oneentloni ngam nangamazwi am kwesi sizukulwana sikrexezayo* nesinesono, noNyana womntu uza kuba neentloni ngaye+ xa efika ekuzuko lukaTata wakhe, ekunye neengelosi ezingcwele.”+