Umthandazo kaDavide.
17 Ndiyakucela Yehova, kuve ukucela kwam ukwenzelwa ubulungisa;
Kumamele ukukhalela kwam uncedo;
Wuve umthandazo wam ongenankohliso.+
2 Kwanga ungandigweba ngobulungisa;+
Kwanga amehlo akho angabona izinto ezilungileyo.
3 Uyigocagocile intliziyo yam, wandihlolisisa ebusuku;+
Undisulungekisile,+
Uza kubona ukuba andicebanga nantoni na embi,
Nomlomo wam awuthethanga nkohliso.
4 Andenzanga njengabanye abantu,
Ndithobele ilizwi lemilebe yakho, ndaziphepha iindlela zootsotsi.+
5 Mandihlale ndihamba ngeendlela zakho
Ukuze unyawo lwam lungakhubeki.+
6 Ndizibika kuwe Thixo wam, kuba uza kundiphendula.+
Vula iindlebe, uweve amazwi am.+
7 Bonisa uthando lwakho olungagungqiyo ngendlela emangalisayo,+
Wena Msindisi wabo bathembele ngesandla sakho sasekunene,
Ubakhusele kwabo bangakuthobeliyo.
8 Ndikhusele njengelihlo lakho;+
Ndifihle emthunzini wamaphiko akho.+
9 Ndikhusele kubenzi-bubi abandihlaselayo,
Nakwiintshaba zam ezindijikelezileyo.+
10 Azinalusizi;
Ngomlomo wazo zithetha ngekratshi;
11 Ngoku zisirhangqile;+
Zisithe ntsho zifuna ithuba lokusiwisa.
12 Ngalunye kuzo lunjengengonyama engxamele ukuqwenga ixhoba layo,
Lunjengengonyama encathame engontsini.
13 Khawuphakame Yehova, umelane nalo+ uze uluwise;
Ndikhusele kumenzi-bubi ngekrele lakho;
14 Nceda undikhusele ngesandla sakho Yehova,
Kubantu beli hlabathi, abaphilela obu bomi,+
Abo ubanika izinto ezintle ozenzileyo+
Nabashiyela oonyana babo abaninzi ilifa.
15 Kodwa mna, ngenxa yobulungisa bam ndiza kububona ubuso bakho;
Ndaneliswa kukubona wena xa ndivuka.+