Yoshuwa
21 Iintloko zezindlu zesizwe sabaLevi zaya kuEleyazare+ umbingeleli, kuYoshuwa unyana kaNun nakwiintloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli, 2 yaye zathetha nabo eShilo+ kwilizwe lakwaKanan, zathi: “UYehova wayalela ngoMoses ukuba sinikwe izixeko esiza kuhlala kuzo, sinikwe namadlelo emfuyo yethu.”+ 3 Ngoko amaSirayeli awuthobela umyalelo kaYehova aza abanika abaLevi izixeko+ namadlelo azo kumhlaba wawo.+
4 Iqashiso laphuma neentsapho zamaKohati,+ yaye abaLevi ababeyinzala ka-Aron umbingeleli banikwa ngeqashiso izixeko eziyi-13 kwisizwe sakwaYuda,+ kwisizwe sakwaSimeyon+ nakwisizwe sakwaBhenjamin.+
5 Amanye amaKohati anikwa* izixeko ezilishumi kwiintsapho zesizwe sakwaEfrayim,+ kwisizwe sakwaDan nakwihafu yesizwe sakwaManase.+
6 AmaGershon+ anikwa izixeko eziyi-13 kwiintsapho zesizwe sakwaIsakare, kwisizwe sakwa-Ashere, kwisizwe sakwaNafetali nakwihafu yesizwe sakwaManase eBhashan.+
7 AmaMerari+ anikwa ngokweentsapho zawo izixeko eziyi-12 kwisizwe sakwaRubhen, kwisizwe sakwaGadi nakwisizwe sakwaZebhulon.+
8 Ngaloo ndlela amaSirayeli abanika abaLevi ezo zixeko namadlelo azo ngeqashiso, kanye njengokuba uYehova wayeyalele ngoMoses.+
9 Ngoko kwisizwe sakwaYuda nakwisizwe sakwaSimeyon, abanika ezi zixeko zichazwe ngamagama,+ 10 yaye kwiintsapho zamaKohati ezo zixeko azinika oonyana baka-Aron abangabaLevi, kuba iqashiso lokuqala laphuma nabo. 11 Abanika iKiriyati-arbha+ (uArbha wayenguyise ka-Anaki), oko kukuthi iHebron,+ ekummandla weentaba wakwaYuda, abanika namadlelo ayingqongileyo. 12 Kodwa intsimi yeso sixeko neelali zaso zanikwa uKalebhi unyana kaYefune, zaba lilifa lakhe.+
13 Oonyana baka-Aron umbingeleli banikwa isixeko anokubalekela kuso umntu obuleleyo,+ iHebron+ namadlelo ayo, banikwa neLibhena+ namadlelo ayo, 14 iYatire+ namadlelo ayo, iEshtemowa+ namadlelo ayo, 15 iHolon+ namadlelo ayo, iDebhiri+ namadlelo ayo, 16 iAyin+ namadlelo ayo, iYuta+ namadlelo ayo neBhete-shemeshe namadlelo ayo, izixeko ezisithoba kwezi zizwe zibini.
17 Nazi izixeko abazinikwa kwisizwe sakwaBhenjamin: iGibheyon+ namadlelo ayo, iGebha namadlelo ayo,+ 18 iAnatoti+ namadlelo ayo neAlmon namadlelo ayo, izixeko ezine.
19 Zizonke izixeko ezanikwa inzala ka-Aron, ababingeleli, yayizizixeko eziyi-13 namadlelo azo.+
20 Zonke ezinye iintsapho zamaKohati ezingabaLevi zanikwa ngeqashiso izixeko kwisizwe sakwaEfrayim. 21 Zanikwa isixeko anokubalekela kuso umntu obuleleyo,+ iShekem+ namadlelo ayo, ekummandla weentaba wakwaEfrayim, zanikwa neGezere+ namadlelo ayo, 22 iKibhetsayim namadlelo ayo neBhete-horon+ namadlelo ayo, izixeko ezine.
23 Nazi izixeko ezazinikwa kwisizwe sakwaDan: iEliteke namadlelo ayo, iGibheton namadlelo ayo, 24 iAyalon+ namadlelo ayo neGati-rimon namadlelo ayo, izixeko ezine.
25 Nazi izixeko ezazinikwa kwihafu yesizwe sakwaManase: iTahanaki+ namadlelo ayo neGati-rimon namadlelo ayo, izixeko ezibini.
26 Xa zizonke izixeko namadlelo azo ezanikwa zonke ezinye iintsapho zamaKohati zaba lishumi.
27 AmaGershon+ eentsapho zabaLevi, anikwa isixeko anokubalekela kuso umntu obuleleyo, kwihafu yesizwe sakwaManase, yaye eso sixeko yayiyiGolan+ eseBhashan namadlelo ayo, anikwa neBheheshtera namadlelo ayo, izixeko ezibini.
28 Nazi izixeko awazinikwa kwisizwe sakwaIsakare:+ iKishiyon namadlelo ayo, iDabherati+ namadlelo ayo, 29 iYarmuti namadlelo ayo ne-En-ganim namadlelo ayo, izixeko ezine.
30 Nazi izixeko awazinikwa kwisizwe sakwa-Ashere:+ iMishali namadlelo ayo, iAbhedon namadlelo ayo, 31 iHelekati+ namadlelo ayo neRehobhi+ namadlelo ayo, izixeko ezine.
32 Nazi izixeko awazinikwa kwisizwe sakwaNafetali: isixeko anokubalekela kuso+ umntu obuleleyo, iKedeshe+ eseGalili namadlelo ayo, anikwa neHamoti-dore namadlelo ayo neKartan namadlelo ayo, izixeko ezithathu.
33 Xa zizonke izixeko ezanikwa amaGershon ngokweentsapho zawo zaziyi-13 namadlelo azo.
34 Iintsapho zamaMerari,+ bonke abanye abaLevi ababeshiyekile, zanikwa ezi zixeko kwisizwe sakwaZebhulon:+ iYokenam+ namadlelo ayo, iKarta namadlelo ayo, 35 iDimna namadlelo ayo neNahalali+ namadlelo ayo, izixeko ezine.
36 Nazi izixeko awazinikwa kwisizwe sakwaRubhen: iBhetsere+ namadlelo ayo, iYahatsa namadlelo ayo,+ 37 iKedemoti namadlelo ayo neMefehati namadlelo ayo, izixeko ezine.
38 Nazi izixeko awazinikwa kwisizwe sakwaGadi:+ isixeko anokubalekela kuso umntu obuleleyo, iRamoti eseGiliyadi+ namadlelo ayo, anikwa neMahanayim+ namadlelo ayo, 39 iHeshbhon+ namadlelo ayo neYazere+ namadlelo ayo, izixeko ezine.
40 Xa zizonke izixeko ezanikwa amaMerari ngokweentsapho zawo, zonke iintsapho ezazishiyekile kubaLevi, yayizizixeko eziyi-12.
41 Xa zizonke izixeko ezanikwa abaLevi kumhlaba wamaSirayeli, yayizizixeko eziyi-48 namadlelo azo.+ 42 Sixeko ngasinye kwezi sasinamadlelo aso macala onke. Kwakunjalo kuzo zonke ezo zixeko.
43 Ngoko uYehova wawanika amaSirayeli wonke umhlaba awayefunge ukuwunika ookhokho bawo,+ awuthatha aza ahlala kuwo.+ 44 Ukongezelela uYehova wawaphumza ngokupheleleyo, kanye njengokuba wayefungile kookhokho bawo,+ yaye alukho utshaba olwalunokumelana nawo.+ UYehova wazinikela esandleni sawo zonke iintshaba zawo.+ 45 Asikho isithembiso esingazange sizaliseke kuzo zonke izithembiso ezihle uYehova awayezithembise indlu kaSirayeli; zonke zenzeka.+