IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha Izinto Ekuthethwa Ngazo Kwincwadi YeZenzo IZENZO IZINTO EKUTHETHWA NGAZO 1 Kubhalelwa uTiyofilo (1-5) Amangqina nakwezona ndawo zikude emhlabeni (6-8) UYesu unyukela ezulwini (9-11) Abafundi bakaYesu bayahlanganisana (12-14) Kukhethwa uMatiya ukuba angene endaweni kaYudas (15-26) 2 Kuthululwa umoya oyingcwele ngePentekoste (1-13) Intetho kaPetros (14-36) Abantu bakhuthazwa yintetho kaPetros (37-41) Kubhaptizwa abantu abayi-3 000 (41) Ukuhlanganisana kwamaKristu (42-47) 3 UPetros uphilisa umntu osisiqhwala nocela ebantwini (1-10) Intetho kaPetros kwiVeranda KaSolomon (11-26) ‘Ukubuyiselwa kwazo zonke izinto’ (21) Umprofeti onjengoMoses (22) 4 UPetros noYohane bayabanjwa (1-4) Abantu abakholwayo ngoku ngamadoda ayi-5 000 (4) Kuxoxwa ityala kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda (5-22) “Asinakuyeka ukuthetha” (20) Bathandazela ukuba nesibindi (23-31) Abafundi bakaYesu bohlulelana ngezinto (32-37) 5 UAnaniyas noSafira (1-11) Abapostile benza imimangaliso emininzi (12-16) Bayabanjwa baze bakhululwe (17-21a) Baphinda baziswe kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda (21b-32) ‘NguThixo esimele simthobele kunabantu’ (29) Icebiso likaGamaliyeli (33-40) Kushunyayelwa kwindlu ngendlu (41, 42) 6 Amadoda asixhenxe akhethelwe ukwaba ukutya (1-7) UStefano utyholwa ngokuthetha izinto ezimbi ngoMoses nangoThixo (8-15) 7 Intetho kaStefano phambi kweNkundla Ephakamileyo YamaYuda (1-53) Ixesha loosolusapho (2-16) Ukukhokela kukaMoses; amaSirayeli akhonza izithixo (17-43) UThixo akahlali kwiitempile ezakhiwe ngabantu (44-50) UStefano ubethwa ngamatye (54-60) 8 USawule umtshutshisi (1-3) UFilipu uyaphumelela kumsebenzi wakhe wokushumayela eSamariya (4-13) UPetros noYohane bathunywa eSamariya (14-17) USimon uzama ukuthenga umoya oyingcwele (18-25) Indoda engumTiyopiya eligosa elikwisikhundla esiphezulu (26-40) 9 USawule endleleni eya eDamasko (1-9) UAnaniyas uthunywa ukuba ayokunceda uSawule (10-19a) USawule ushumayela ngoYesu eDamasko (19b-25) USawule uya eYerusalem (26-31) UPetros uphilisa uAyineya (32-35) UDorkas onobubele uvuswa ekufeni (36-43) 10 Umbono kaKorneli (1-8) Umbono kaPetros wezilwanyana ezicociweyo (9-16) UPetros uyokubona uKorneli (17-33) UPetros ushumayela iindaba ezilungileyo kubantu beentlanga (34-43) “UThixo akakhethi” (34, 35) Abantu beentlanga bafumana umoya oyingcwele baze babhaptizwe (44-48) 11 UPetros ucacisela abapostile yonke into eyenzekileyo 1-18) UBharnabhas noSawule kwa-Antiyokwe eSiriya (19-26) Abafundi bakaYesu baqalisa ukubizwa amaKristu (26) UAgabho uprofeta ngendlala (27-30) 12 Kubulawa uYakobi; uPetros uyabanjwa (1-5) UPetros ukhululwa ngommangaliso (6-19) UHerode ubethwa yingelosi (20-25) 13 UBharnabhas noSawule bathunyelwa emazweni (1-3) Kushunyayelwa eSipro (4-12) Intetho kaPawulos kwa-Antiyokwe ePisidiya (13-41) Kuprofetwa ngomyalelo wokuba kushunyayelwe ezintlangeni (42-52) 14 Ulwando nentshutshiso eIkoniyo (1-7) Kucingwa ukuba bangoothixo eListra (8-18) UPawulos uyasinda emva kokuba ebethwe ngamatye (19, 20) Womeleza amabandla (21-23) Ubuyela kwa-Antiyokwe eSiriya (24-28) 15 Kwa-Antiyokwe kuphikiswana ngolwaluko (1, 2) Kuziswa umbuzo eYerusalem (3-5) Kudibana abadala nabapostile (6-21) Iileta ezivela kwiqumrhu elilawulayo (22-29) Liphepheni igazi (28, 29) Amabandla akhuthazwa ngeleta (30-35) UPawulos noBharnabhas bayohlukana (36-41) 16 UPawulos ukhetha uTimoti (1-5) Umbono wendoda yaseMakedoni (6-10) ULidiya uyaguquka eFilipi (11-15) UPawulos noSilas bayabanjwa (16-24) Unogada wejele nendlu yakhe bayabhaptizwa (25-34) UPawulos ufuna baxolise phambi kwabantu (35-40) 17 UPawulos noSilas eTesalonika (1-9) UPawulos noSilas eBhereya (10-15) UPawulos eAthene (16-22a) Intetho kaPawulos kwiAreyopago (22b-34) 18 UPawulos ushumayela eKorinte (1-17) Ubuyela kwa-Antiyokwe eSiriya (18-22) UPawulos uya eGalati naseFrigiya (23) Kuncedwa uApolo oliciko (24-28) 19 UPawulos e-Efese; kukho abaphinda babhaptizwe (1-7) Umsebenzi kaPawulos wokufundisa (8-10) Uyaphumelela nangona kukho iidemon (11-20) Kukho isiphithiphithi e-Efese (21-41) 20 UPawulos eMakedoni naseGrisi (1-6) Kuvuswa uYutiko eTrowa (7-12) Ukusuka eTrowa ukuya eMileto (13-16) UPawulos udibana nabadala base-Efese (17-38) Kushunyayelwa kwindlu ngendlu (20) “Kuvuyisa ngakumbi ukupha” (35) 21 Endleleni eya eYerusalem (1-14) Bafika eYerusalem (15-19) UPawulos usebenzisa icebiso labadala (20-26) Kukho isiphithiphithi etempileni; uPawulos uyabanjwa (27-36) UPawulos uvunyelwa ukuba athethe nabantu (37-40) 22 UPawulos uzithethelela phambi kwabantu (1-21) UPawulos usebenzisa ilungelo lokuba ngummi waseRoma (22-29) Kudibana iNkundla Ephakamileyo YamaYuda (30) 23 UPawulos uthetha phambi kweNkundla Ephakamileyo YamaYuda (1-10) UPawulos womelezwa yiNkosi (11) Baceba ukubulala uPawulos (12-22) UPawulos usiwa eKesareya (23-35) 24 Izityholo abekwa zona uPawulos (1-9) UPawulos uzithethelela kuFeliks (10-21) Ityala likaPawulos limiswa iminyaka emibini (22-27) 25 Kuxoxwa ityala likaPawulos phambi koFesto (1-12) “Ndibhenela kuKesare!” (11) UFesto uthetha noKumkani uAgripa (13-22) UPawulos phambi koAgripa (23-27) 26 UPawulos uzithethelela kuAgripa (1-11) UPawulos ucacisa indlela awaguquka ngayo (12-23) Impendulo kaFesto neka-Agripa (24-32) 27 UPawulos uya eRoma ngenqanawa (1-12) Inqanawa intlithwa sisaqhwithi (13-38) Inqanawa iyaphuka (39-44) 28 Kunxweme lwaseMalta (1-6) Utata kaPubliyo uyaphiliswa (7-10) Endleleni eya eRoma (11-16) UPawulos uthetha namaYuda eRoma (17-29) UPawulos ushumayela ngesibindi iminyaka emibini (30, 31)