IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • nwt IZililo 1:1-5:22
  • IZililo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZililo
  • IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
IZililo

IZILILO

א [ʼAʹleph]*

1 Ngoku isixeko sishiyeke sodwa, isixeko esasikade sinabantu abaninzi!+

Siye saba njengomhlolokazi, umntu owayedumile phakathi kweentlanga!+

Lowo wayeyinkosazana phakathi kwamaphondo uye wakhotyokiswa!+

ב [Beth]

 2 Uyagixa ebudeni bobusuku,+ iinyembezi ziyazehlela ezidleleni zakhe.

Akukho nasinye kwizithandwa zakhe esimthuthuzelayo.+

Onke amaqabane akhe amjikele.+ Aye aziintshaba zakhe.

ג [Gimel]

 3 UYuda uye ekuthinjweni+ esentlungwini nakubukhoboka obunzima.+

Umele ahlale phakathi kweentlanga,+ akanandawo yakuphumla.

Bonke abatshutshisi bakhe bamfikele esentlungwini.

ד [Daleth]

 4 Zonke iindlela eziya eZiyon zizilile, kuba akukho mntu uzayo ethekweni.+

Zonke iigeyithi zayo zitshabalele,+ ababingeleli bayo bayancwina.

Iintombi zayo zisentlungwini, nayo isentlungwini.

ה [He]

 5 Ngoku iintshaba zayo ziye zaba yinkosi* phezu kwayo, iintshaba zayo azinaxhala.+

Kuba uYehova uyizisele intlungu ngenxa yobuninzi bezono zayo,+

Abantwana bayo baye ekuthinjweni beqhutywa lutshaba.+

ו [Waw]

 6 Bonke ubukhulu bumkile kwintombi yaseZiyon.+

Iinkosana zayo zinjengamaxhama angafumani dlelo,

Yaye zihamba zidiniwe phambi kwabo bazileqayo.

ז [Zayin]

 7 Ngemihla yentlungu yayo nokungabi namakhaya kwabantu bayo, iYerusalem ikhumbula

Zonke izinto zayo ezixabisekileyo zemihla yakudala.+

Xa abantu bayo bawela ezandleni zotshaba kwaye ingenamncedi,+

Iintshaba zayibona zahleka* ngenxa yokuwa kwayo.+

ח [Heth]

 8 IYerusalem yone kakhulu.+

Yiloo nto iyinto eyenyanyekayo.

Bonke ababeyiphatha ngembeko ngoku bayayidelela, kuba babubonile ubuze bayo.+

Iyancwina+ ize ifulathele kuba ihlazekile.

ט [Teth]

 9 Ukungcola kwayo kusempahleni yayo.

Khange icinge ngekamva layo,+

Ukuwa kwayo kuyothusa, ayinamthuthuzeli.

Owu Yehova, khawubone intlungu yam, kuba utshaba luzikhukhumalisile.+

י [Yod]

10 Utshaba luthathe bonke ubutyebi bayo.+

Kuba ibone iintlanga zingena engcweleni yayo,+

Owawuyalele ukuba zingangeni ebandleni lakho.

כ [Kaph]

11 Bonke abantu bayo bayancwina, bakhangela isonka.+

Banikise ngezinto zabo ezixabisekileyo kuba bekhangela into etyiwayo, ukuze bahlale bephila.

Khawubone Yehova, kuba ndiye ndanjengebhinqa elingenaxabiso.*

ל [Lamed]

12 Ngaba ayinamsebenzi le nto kuni nonke nina nidlula ngendlela?

Khangelani nize nibone.

Ngaba ikho intlungu enjengale endiye ndayifumana,

Nathe uYehova wandivisa yona ngemini yomsindo wakhe?+

מ [Mem]

13 Ephezulu uthumele umlilo emathanjeni am,+ yaye woyisa ngalinye kuwo.

Uzibekele umnatha iinyawo zam, undinyanzele ukuba ndibuye umva.

Undenze ndalibhinqa elingumpha ochutywe walahlwa.

Imini yonke ndiyagula.

נ [Nun]

14 Izono zam zibotshelelwe oku kwedyokhwe, ziqiniswe ngesandla sakhe.

Zibekwe entanyeni yam, yaye ndiphelelwe ngamandla.

UYehova undinikele esandleni sabo ndingakwaziyo ukumelana nabo.+

ס [Samekh]

15 UYehova uwalahlele ecaleni amadoda anamandla akunye nam.+

Undibizele intlanganiso ukuze abaqhekeze abafana bam.+

UYehova uyixovulele esixovulelweni intombi yakwaYuda engazange yalala nandoda.+

ע [Ayin]

16 Ndiyalila ngenxa yezi zinto,+ amehlo am ehla iinyembezi.

Kuba nabani na onokundithuthuzela okanye andihlaziye* ukude.

Oonyana bam bashiyeke bengenanto, kuba utshaba loyisile.

פ [Pe]

17 IZiyon izolulile izandla zayo.+ Ayinamntu wakuyithuthuzela.

UYehova ukhuphe umyalelo wokuba iintshaba ezingqonge uYakobi zimhlasele.+

IYerusalem iye yaba yinto eyenyanyekayo kuzo.+

צ [Tsade]

18 UYehova lilungisa,+ kuba ndivukele umyalelo* wakhe.+

Mamelani nonke zizwana, nibone intlungu yam.

Iintombi zam ezingazange zalala nandoda, nabafana bam bathinjiwe.+

ק [Qoph]

19 Ndizibizile izithandwa zam, kodwa zindijikele.+

Ababingeleli bam namadoda amadala akwam atshabalele,

Ngoxa ekhangela ukutya ukuze ahlale ephila.*+

ר [Resh]

20 Khawubone Yehova, kuba ndisentlungwini engathethekiyo.

Ndiyaxuxuzela* ngaphakathi.

Intliziyo yam ilihlwili, kuba bendingamameli tu.+

Ngaphandle ikrele liyaqwenga.+ Nangaphakathi endlini kukho ukufa.

ש [Shin]

21 Abantu bakuvile ukuncwina kwam. Andinamntu wakundithuthuzela.

Zonke iintshaba zam zivile ngentlekele yam.

Ziyavuya kuba uyizisile.+

Kodwa uza kuzisa imini oyixelileyo,+ ukuze nazo zibe njengam.+

ת [Taw]

22 Kwanga bungafika phambi kwakho bonke ububi bazo, yaye kwanga ungazihlasela,+

Kanye njengokuba uye wandihlasela ngenxa yazo zonke izono zam.

Kuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam iyagula.

א [Aleph]

2 Indlela uYehova ayigqume ngayo intombi yaseZiyon ngomsindo wakhe!

Ubuphose phantsi emhlabeni ubuhle bukaSirayeli busuka ezulwini.+

Akasikhumbulanga isihlalo seenyawo+ zakhe ngemini yomsindo wakhe.

ב [Beth]

 2 UYehova uziginye engenalusizi zonke iindawo zokuhlala zikaYakobi.

Ngomsindo uzichithile iindawo ezikhuselekileyo zentombi yakwaYuda.+

Ubuwise emhlabeni waza wabungcolisa ubukumkani+ neenkosana zayo.+

ג [Gimel]

 3 Unqumle onke amandla kaSirayeli* enomsindo.

Uye wasirhoxisa isandla sakhe sasekunene xa utshaba luhlasela,+

NakwaYakobi uye wavutha njengomlilo oqwenge yonke into ewungqongileyo.+

ד [Daleth]

 4 Usigobile* isaphetha sakhe njengotshaba, isandla sakhe sasekunene usimise njengotshaba.+

Uye waqhubeka ebulala bonke abo banqwenelekayo emehlweni akhe.+

Yaye ugalele umsindo wakhe njengomlilo+ ententeni yentombi yaseZiyon.+

ה [He]

 5 UYehova uye wanjengotshaba,+

Umginyile uSirayeli.

Uziginyile zonke iinqaba zakhe.

Uzitshabalalisile iindawo zakhe ezikhuselekileyo.

Nasentombini yakwaYuda ukwenze kwaba kuninzi ukuzila nokwenza isijwili.

ו [Waw]

 6 Ulichitha ngobundlobongela ikhusi lakhe,+ njengendlwana esegadini.

Uliphelisile* itheko lakhe.+

UYehova wenze ukuba lilityalwe itheko nesabatha eZiyon,

Ngenxa yomsindo wakhe akamboneli ntweni ukumkani nombingeleli.+

ז [Zayin]

 7 UYehova usilahlile isibingelelo sakhe.

Uyicekisile ingcwele yakhe.+

Zonke iindonga zeenqaba zayo uzinikele esandleni sotshaba.+

Baphakamise ilizwi labo endlini kaYehova,+ njengakwimini yetheko.

ח [Heth]

 8 UYehova uzimisele ukutshabalalisa udonga lwentombi yaseZiyon.+

Uyolule intambo yokumeta.+

Akasibuyisanga isandla sakhe ekutshabalaliseni.*

Ubangela ukuba ungqameko nodonga zizile.

Zonke zithezwe amandla.

ט [Teth]

 9 Iigeyithi zayo zitshone emhlabeni.+

Uyitshabalalisile waza wayiqhekeza imivalo yayo.

Ukumkani wayo neenkosana zayo ziphakathi kweentlanga.+

Akukho mthetho,* nabaprofeti bayo abafumani mbono uvela kuYehova.+

י [Yod]

10 Amadoda amakhulu entombi yaseZiyon ahleli emhlabeni ethe cwaka.+

Azigalela ngothuli entloko aze abhinqe amalaphu okwenza ingxowa.+

Iintombi zaseYerusalem ezingazange zalala nandoda zijongise phantsi iintloko zazo.

כ [Kaph]

11 Amehlo am adiniwe kukuntywizisa iinyembezi.+

Amathumbu am ayaxuxuzela.

Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokuwa kwentombi* yabantu bam,+

Ngenxa yokutyhafa kwabantwana neentsana kwiindawo zikawonke-wonke zedolophu.+

ל [Lamed]

12 Bamana bebuza koomama babo, “Ziphi iinkozo newayini?”+

Njengokuba betyhafa oku komntu owonzakele kwiindawo zikawonke-wonke zesixeko,

Njengokuba ubomi babo buphuncuka* ezandleni zoomama babo.

מ [Mem]

13 Ndingasebenzisa ntoni na ukuba ibe lingqina,

Okanye ndingakufanisa nantoni na, ntombi yaseYerusalem?

Ndingakuthelekisa nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombi yaseZiyon?

Kuba ukuwa kwakho kukhulu njengolwandle.+ Ngubani na onokukuphilisa?+

נ [Nun]

14 Imibono ebonwe ngabaprofeti bakho ngawe ibubuxoki ibe ililize,+

Yaye abasityhilanga isiphoso sakho ukuze ubuye ekuthinjweni,+

Kodwa baqhubeke bekubonela imibono yamazwi abubuxoki nalahlekisayo.+

ס [Samekh]

15 Bonke abo badlula ngendlela bakuqhwabela izandla behlekisa ngawe.+

Babetha umlozi bemangalisiwe+ yaye banikina iintloko ngentombi yaseYerusalem, besithi:

“Siso na esi isixeko ababesithi ngaso, ‘Bubuhle obugqibeleleyo, ukuvuya komhlaba wonke’?”+

פ [Pe]

16 Zonke iintshaba zakho zikuvulele umlomo.

Zibetha umlozi yaye zitshixiza amazinyo zisithi: “Simginyile.+

Yiyo le imini ebesiyilindile.+ Ifikile, ibe siyibonile!”+

ע [Ayin]

17 UYehova uyenzile into ebezimisele ukuyenza,+ uyenzile into ebeyithethile,+

Oko wayekuyalele kwakudala.+

Uchithile engenaluvelwano.+

Uvumele utshaba lwanemihlali ngenxa yakho, uwaphakamisile amandla eentshaba* zakho.

צ [Tsade]

18 Intliziyo yabo ikhalela uYehova, owu ludonga lwentombi yaseZiyon.

Mazihle iinyembezi njengomsinga imini nobusuku.

Ungaziniki kuphumla, ungaliphumzi ilihlo lakho.

ק [Qoph]

19 Vuka! Khala ubusuku bonke.*

Phalaza intliziyo yakho njengamanzi phambi kobuso bukaYehova.

Mphakamisele izandla zakho ngenxa yobomi babantwana bakho,

Abatyhafiswa yindlala kwiikona zazo zonke izitrato.*+

ר [Resh]

20 Khawubone, yhini Yehova, uze ujonge lowo uye wangqwabalala kangaka kuye.

Ngaba abafazi bafanele baqhubeke besitya inzala yabo,* abantwana abapheleleyo,+

Okanye ngaba ababingeleli nabaprofeti bamele babulawelwe engcweleni kaYehova?+

ש [Shin]

21 Inkwenkwana nendoda endala balele emhlabeni ezitratweni.+

Iintombi zam nabafana bam bawile likrele.+

Uye wabulala ngemini yomsindo wakho, uye waxhela ungenalusizi.+

ת [Taw]

22 Ubiza uloyiko macala onke, ngokungathi yimini yetheko.+

Nangemini yengqumbo kaYehova, akukho mntu uqhweshileyo okanye usindileyo.+

Abo ndabazalayo* ndaza ndabakhulisa, utshaba lwam lubatshabalalisile.+

א [Aleph]

3 Ndiyindoda eye yeva intlungu ngenxa yentonga yomsindo wakhe.

 2 Undikhuphele ngaphandle yaye undihambisa ebumnyameni kungekhona ekukhanyeni.+

 3 Eneneni undihlasela qho ngesandla sakhe imini yonke.+

ב [Beth]

 4 Uyiyucule inyama yam nolusu lwam,

Uwaphule amathambo am.

 5 Uye wandirhangqa, uye wandijikeleza ngetyhefu ekrakra+ nangobunzima.

 6 Uye wandihlalisa kwiindawo ezimnyama njengamadoda awafa kudala.

ג [Gimel]

 7 Uye wandibiyela ngodonga ukuze ndingaqhweshi.

Uye wandikhonkxa ngamakhamandela anzima ekopolo.+

 8 Xa ndikhala ndicela uncedo, uwukhabela kude* umthandazo wam.+

 9 Undivalele iindlela ngamatye aqingqiweyo.

Zonke iindlela zam uzenze zagosogoso.+

ד [Daleth]

10 Undilalela njengebhere, njengengonyama ezimeleyo.+

11 Undinyanzele ndaphuma ezindleleni zam yaye undikrazule ndaziziqwenga.*

Undiphanzisile.+

12 Usigobile* isaphetha sakhe, yaye undimisa njengento ajolisa kuyo utolo.

ה [He]

13 Uzikrazule izintso zam ngeentolo ezikwisingxobo sakhe.*

14 Ndisuke ndayintlekisa ebantwini bonke, umxholo wengoma yabo imini yonke.

15 Undenze ndagcwala izinto ezikrakra yaye undimanzise tixi ngomhlonyane.+

ו [Waw]

16 Waphula amazinyo am ngegrabile,

Undenze ndazisonga eluthuthwini ndisoyika.+

17 Undivimba uxolo, ndilibele ukuba yintoni into elungileyo.

18 Ngoko ndithi: “Ukubalasela kwam kutshabalele, nokulindela kwam kuYehova.”

ז [Zayin]

19 Khumbula intlungu nokungabi nakhaya kwam,+ umhlonyane netyhefu ekrakra.+

20 Nakanjani uza kukhumbula uze ugobe phezu kwam.+

21 Ndiyayikhumbula le nto entliziyweni yam, yiloo nto ndiza kulinda.+

ח [Heth]

22 Kungenxa yothando lukaYehova olungagungqiyo le nto singafikelelanga esiphelweni,+

Kuba iinceba zakhe azipheli.+

23 Zintsha ntsasa nganye,+ usoloko uthembekile.+

24 Ndiye ndathi: “UYehova sisabelo sam,+ yiloo nto ndiza kulindela kuye.”+

ט [Teth]

25 UYehova ulungile kumntu othembele kuye,+ kumntu* oqhubeka emfuna.+

26 Kulungile ukuba umntu alinde* usindiso lukaYehova+ ethe cwaka.+

27 Kulungile ukuba indoda iyithwale idyokhwe ngoxa isengumntu omtsha.+

י [Yod]

28 Mayihlale yodwa ize ithi cwaka xa eyibeka phezu kwayo.+

29 Mayifake umlomo wayo emhlabeni,+ mhlawumbi kusenokubakho ithemba.+

30 Mayinike lowo uyibethayo isidlele sayo, mayizanelise ngokupheleleyo ngezithuko.

כ [Kaph]

31 Kuba uYehova akazukusilahla ngonaphakade.+

32 Nangona ebangele intlungu, uza kuba nenceba ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo.+

33 Kuba akukho sentliziyweni yakhe ukubaxhwalekisa okanye abenze buhlungu oonyana babantu.+

ל [Lamed]

34 Ukutyumza ngaphantsi kweenyawo zomntu onke amabanjwa omhlaba,+

35 Ukuthintela indoda ekufumaneni ubulungisa phambi Koyena Uphakamileyo,+

36 Ukuqhatha umntu etyaleni lakhe,

uYehova akazivumeli izinto ezinjalo.

מ [Mem]

37 Ngubani ke onokuthetha kwenzeke ngaphandle kokuba uYehova ekuyalele oko?

38 Emlonyeni Woyena Uphakamileyo

Okulungileyo nokubi akuphumi kunye.

39 Kutheni emele akhalaze umntu ophilayo ngemiphumo yesono sakhe?+

נ [Nun]

40 Makhe sizikhangele yaye sihlole iindlela zethu,+ size sibuyele kuYehova.+

41 Masiziphakamisele kuThixo ezulwini iintliziyo nezandla zethu:+

42 “Sonile saza savukela,+ yaye awuxolelanga.+

ס [Samekh]

43 Ngomsindo uye wasinqanda singasondeli,+

Uye wasileqa waza wasibulala ngaphandle kwemfesane.+

44 Ngelifu uye wavala ukuba kungasondelwa kuwe, ukuze umthandazo ungadluli.+

45 Usenze intshela nenkunkuma phakathi kwezizwana.”

פ [Pe]

46 Zonke iintshaba zethu zithetha kakubi ngathi.+

47 Ukoyika kakhulu nemingxuma kukutya kwethu,+ ukuphanziswa nokuwa.+

48 Iinyembezi ziyazehlela emehlweni am ngenxa yokuwa kwentombi yabantu bam.+

ע [Ayin]

49 Ilihlo lam aliyeki ukuntywizisa.+

50 De uYehova akhangele phantsi aze abone esezulwini.+

51 Amehlo am andizisele intlungu ngenxa yazo zonke iintombi zesixeko sakowethu.+

צ [Tsade]

52 Iintshaba zam ziye zandizingela kanye njengentaka, ngaphandle kwesizathu.

53 Zibucimile ubomi bam emngxunyeni, ziqhubeka zindigibisela ngamatye.

54 Amanzi aphalele phezu kwentloko yam, ndaza ndathi: “Kuphelile ngam!”

ק [Qoph]

55 Ndibize igama lakho Yehova, ndisenzulwini yomngxuma.+

56 Live ilizwi lam, sukuyivala indlebe yakho ekuceleni kwam uncedo lokufumana isiqabu.

57 Usondele ngemini endikubize ngayo. Uthe: “Sukoyika.”

ר [Resh]

58 Undithethelele etyaleni lam Yehova, uye wabusindisa ubomi bam.+

59 Ububonile Yehova ububi obenziweyo kum, nceda undenzele ubulungisa.+

60 Uyibonile yonke impindezelo yabo, onke amayelenqe abo ngam.

ש [Sin] okanye [Shin]

61 Uzivile izinyeliso zabo Yehova, onke amayelenqe abo ngam,+

62 Imilebe yabo bandichasayo nokusebeza kwabo ngam imini yonke.

63 Bajonge, enoba bayahlala okanye bayema, bayandigculela kwiingoma zabo!

ת [Taw]

64 Uza kubabuyekeza ngokwemisebenzi yabo Yehova.

65 Uza kubenza babe nentliziyo eqinileyo, ibe sisiqalekiso sabo eso.

66 Uza kubaleqa unomsindo uze ubatshabalalise phantsi kwamazulu kaYehova.

א [Aleph]

4 Ifiphale ngeyona ndlela igolide emenyezelayo, igolide elungileyo!+

Asasazwe athi saa amatye angcwele+ kwiikona zazo zonke izitrato!*+

ב [Beth]

 2 Bona ke oonyana abaxabisekileyo baseZiyon, abalinganiswe ngegolide* esulungekisiweyo,

Bajongwe ngayo njengeengqayi zodongwe,

Umsebenzi wezandla zombumbi!

ג [Gimel]

 3 Kwanoodyakalashe bayawancancisa amathole abo,

Kodwa intombi yabantu bam ikhohlakele,+ njengeenciniba entlango.+

ד [Daleth]

 4 Ulwimi losana oluncancayo luthe nca enkalakahleni yalo ngenxa yonxano.

Abantwana bacela isonka,+ kodwa akukho mntu ubanikayo.+

ה [He]

 5 Abo babesitya izimuncumuncu balambile* ezitratweni.+

Abo bakhule benxiba ezibomvu krwe+ kuye kwafuneka bawole iimfumba zothuthu.

ו [Waw]

 6 Isohlwayo* sentombi yabantu bam sikhulu ngakumbi kunesohlwayo sesono seSodom,+

Eyabhukuqwa ngephanyazo, kungekho sandla sakuyinceda.+

ז [Zayin]

 7 AmaNaziri+ ayo ayesulungeke ngakumbi kunekhephu, emhlophe ngakumbi kunobisi.

Ayebubomvurha ngakumbi kuneekorale, enjengeesafire ezimenyezelayo.

ח [Heth]

 8 Inkangeleko yawo imnyama ngakumbi kunesithokothoko.

Awaqondakali ezitratweni.

Ulusu lwawo luye lwashwabana emathanjeni awo,+ lwanjengomthi owomileyo.

ט [Teth]

 9 Abo babulewe ngekrele balunge ngakumbi kunabo babulewe yindlala,+

Abo baphelelwe ngamandla, behlatyiwe ngenxa yokungabikho kokutya entsimini.

י [Yod]

10 Izandla zabafazi abanosizi zibilise abantwana babo.+

Baye bakukutya kokuthuthuzela xa bekusiwa intombi yabantu bakuthi.+

כ [Kaph]

11 UYehova uyibonakalisile ingqumbo yakhe,

Uwugalele umsindo wakhe.+

Yaye uvuthisa umlilo eZiyon otshisa iziseko zayo.+

ל [Lamed]

12 Ookumkani bomhlaba nabo bonke abemi belizwe elinemveliso abazange bakholwe

Ukuba kungangena utshaba nomchasi kwiigeyithi zaseYerusalem.+

מ [Mem]

13 Kwakungenxa yezono zabaprofeti bayo, iziphoso zababingeleli bayo,+

Abachitha igazi lamalungisa phakathi kwayo.+

נ [Nun]

14 Baye babhadula njengeemfama+ ezitratweni.

Bangcoliswe ligazi,+

Kangangokuba akukho ukwaziyo ukuchukumisa iimpahla zabo.

ס [Samekh]

15 “Hambani! Anicocekanga!” batsho xa bebakhwaza. “Hambani! Hambani! Ningasiphathi!”

Kuba abanamakhaya ibe bayabhadula.

Abantu baye bathi phakathi kweentlanga: “Abanakuhlala apha kunye nathi.*+

פ [Pe]

16 Ubuso bukaYehova bubasasazile,+

Akazukubajonga aze akholiseke ngabo kwakhona.

Amadoda awazukubahlonipha ababingeleli,+ awazukukholiswa ngamadoda amakhulu.”+

ע [Ayin]

17 Nangoku amehlo ethu adiniwe kukukhangela uncedo olungekhoyo.+

Silufune salufuna uncedo kuhlanga olungenakusisindisa.+

צ [Tsade]

18 Baye basizingela bethe chu emva kwethu+ ukuze singahambi kwiindawo zikawonke-wonke.

Sisondele isiphelo sethu, imihla yethu iphelile, kuba sifikile isiphelo sethu.

ק [Qoph]

19 Abo basileqayo bakhawuleza ngakumbi kuneenkozi zesibhakabhaka.+

Baye basileqa ezintabeni, baye basihlasela entlango.

ר [Resh]

20 Impefumlo yamathatha ethu, lowo ukhethwe nguYehova,+ uthinjiwe kumngxuma wabo omkhulu,+

Lowo sithe ngaye: “Siza kuhlala emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.”

ש [Sin]

21 Vuya uze ube nemihlali ntombi yakwaEdom,+ njengoko uhleli kwilizwe lakwaUtse.

Kodwa indebe iza kudluliselwa nakuwe,+ ibe uza kunxila uze uhambe ze.+

ת [Taw]

22 Isohlwayo sesiphoso sakho ntombi yaseZiyon, sifikelele esiphelweni.

Akazukuphinda akuse ekuthinjweni.+

Kodwa uza kujonga isiphoso sakho ntombi yakwaEdom.

Uza kuzityhila izono zakho.+

5 Yhini Yehova, yikhumbule into esehleleyo.

Jonga uze ulibone ihlazo lethu.+

 2 Ilifa lethu linikwe abasemzini, izindlu zethu kwabolunye uhlanga.+

 3 Siye saba ziinkedama ezingenatata, oomama bethu banjengabahlolokazi.+

 4 Kufuneka sibhatale ukuze sisele amanzi ethu,+ iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.

 5 Abo basileqayo basihleli entanyeni,

Sityhafile, kodwa asiphunyuzwa.+

 6 Solulela isandla sethu kwiYiputa+ neAsiriya,+ ukuze sifumane isonka esaneleyo sokutya.

 7 Ookhokho bethu abonayo abasekho, kodwa kufuneka thina sithwale izono zabo.

 8 Ngoku silawulwa zizicaka, akukho mntu usihluthayo esandleni sazo.

 9 Isonka sethu sisizisa ngokubeka ubomi bethu* engozini,+ ngenxa yekrele lasentlango.

10 Ulusu lwethu luvutha oku kweziko, ngenxa yentlungu ebangelwa yindlala.+

11 Babahlazisile* abafazi eZiyon, iintombi kwizixeko zakwaYuda.+

12 Iinkosana zaxhonywa ngesandla sazo,+ namadoda amakhulu awazange ahlonitshwe.+

13 Abafana bathwala ilitye lokuguba, namakhwenkwe akhubeka phambi kweenkuni.

14 Amadoda amakhulu emkile egeyithini yesixeko,+ abafana abasawudlali umculo wabo.+

15 Iphelile imihlali kwintliziyo yethu, ukudanisa kwethu kujike kwaba kukuzila.+

16 Siwile isithsaba sentloko yethu. Thina siza kuthi shu, kuba sonile!

17 Ngenxa yale nto intliziyo yethu iyagula,+

Ngenxa yezi zinto amehlo ethu anorhatyazo,+

18 Ngenxa yokuba iNtaba YeZiyon ingenabantu,+ iimpungutye zizula-zula kuyo.

19 Owu Yehova, uya kuhlala etroneni yakho ngonaphakade.

Itrone yakho yeyezizukulwana ngezizukulwana.+

20 Kutheni usilibala ngonaphakade uze usilahle ixesha elide?+

21 Sibuyisele kuwe, yhini Yehova, yaye siza kukulungela ukubuyela kuwe.+

Sizisele imihla emitsha enjengeyakudala.+

22 Noko ke, usilahle ngokupheleleyo.

Unomsindo gqitha ngenxa yethu.+

ISahluko sokuqala ukuya kwesesine ziluhlobo lombongo obhalwe ngokokulandelelana koonobumba besiHebhere.

Ngokoqobo, “yintloko.”

Okanye “zayivuyelela.”

Apha iYerusalem imntwisiwe.

Okanye “onokuhlaziya umphefumlo wam.”

Ngokoqobo, “umlomo.”

Okanye “ukuze abuyise umphefumlo.”

Ngokoqobo, “Amathumbu ayabila.”

Ngokoqobo, “zonke iimpondo zikaSirayeli.”

Ngokoqobo, “Usinyathele.”

Okanye “ulitshabalalisile.”

Ngokoqobo, “ekuginyeni.”

Okanye “Akukho myalelo.”

Oku kukumntwiswa kwento okusetyenziswa kwimibongo, mhlawumbi ukuze kuboniswe uvelwano okanye usizi.

Okanye “umphefumlo wabo uphuncuka.”

Ngokoqobo, “uluphakamisile uphondo lweentshaba.”

Ngokoqobo, “ekuqaleni kwemilindo.”

Ngokoqobo, “kwiintloko zazo zonke izitrato.”

Okanye “isiqhamo sabo.”

Okanye “ndabazala besempilweni.”

Okanye “uyawunqanda; uyawuvalela.”

Okanye kusenokwenzeka, “undishiye ndingahlakulwanga.”

Ngokoqobo, “usinyathele.”

Ngokoqobo, “ngoonyana abakwisingxobo sakhe.”

Okanye “kumphefumlo.”

Okanye “alulinde ngomonde.”

Ngokoqobo, “kwiintloko zazo zonke izitrato.”

Okanye “ababekade bexabiseke njengegolide.”

Ngokoqobo, “baphanzile.”

Ngokoqobo, “Isiphoso.”

Okanye “Abanakuhlala apha njengabantu basemzini.”

Okanye “umphefumlo wethu.”

Okanye “Babadlwengulile.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share