Uviwo Lwasekelwa KuVukani!
XA ABAFUNDI belizwe laseMzantsi Merika iSuriname bavula iincwadana zabo zoviwo lokungena kwisikolo semfundo ephakamileyo ngoJulayi 1993, bafumanisa ukuba abafundi ababelifunda rhoqo iphephancwadi elinguVukani! babencedakele. Oku kwakungenxa yokuba phantse isiqingatha semibuzo eyayikwincwadana enamaphepha angama-36, eyayilungiselelwe yiMinistry of Education’s Examination Bureau, sasisekelwe kumanqaku amabini kaVukani!
Iphepha 1 ukusa kwelesi-9 lalibalaselisa inqaku elithi “Amatyotyombe—Ukutsala Nzima Kwimimandla Yasezidolophini,” elivela kuVukani! kaOktobha 8, 1992. Kwakukho imibuzo engama-21 eyayivavanya ukuqonda kuloo mbandela. Iphepha 10 ukusa kwele-16 lale ncwadana yoviwo laliqulethe imibuzo eli-14 kwinqaku elithi “ICapybara—Yimpazamo Okanye Ngummangaliso Wendalo?” elavela kwiAwake! kaSeptemba 22, 1992.
Enye inqununu kummandla wasentshona Suriname yathi: “Ngokusebenzisa la manqaku ekuvavanyeni ukuqonda kwabafundi izinto ezibhaliweyo kulo lonke ilizwe, amagunya esikolo abonisa ukuba amgqala uVukani! njengomzekelo wegrama echanileyo nendlela abhalwe ngokungqale ngayo.”
Ukuba, ungathanda ukufumana inkcazelo engendlela yokufumana umbhalo kaVukani! okanye ungathanda ubani akutyelele ekhayeni lakho ukuze nixubushe lo mbandela, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067 Krugersdorp, 1740, okanye kwikhelingi efanelekileyo kwiphepha 5.