Ikamva Elimangalisayo Ngesijikelezi-langa Umhlaba
“UHLOLISISO lubonisa ukuba ngoku uMhlaba ufudumele gqitha kunokuba wawunjalo kwiminyaka engama-600,” inikela loo ngxelo iGlobe and Mail yaseToronto. Ngowe-1995 ubushushu obugqithisileyo kumbindi weUnited States basuba ubomi babantu abangaphezu kwama-500 eChicago. Iimeko ezimaxongo olo hlobo zikho eIndiya naseOstreliya, ngoxa elaseNgilani laba “nelona hlobo libaleleyo lesithathu emva kweminyaka engama-200.”
Uyintoni unobangela woku? UHenry Hengeveld, ingcali yemozulu kwiEnvironment Department (iSebe Lemekobume) likarhulumente eKhanada, uthi: “Ubungqina obuninzi bubonisa ukuba abantu banento ethile abayenzileyo kwimozulu yomhlaba wonke.” Ngokutsho kwengxelo yeGlobe and Mail, “imozulu engaqhelekanga ihambisana neendidi zekhompyutha ezibangela ukufudumala komhlaba wonke, ekucingwa ukuba ngokuyintloko kubangelwa kukutshiswa kwezibaso ezakheke ngaphantsi komhlaba.”
Ukufudumala komhlaba wonke kusaxoxwa zizazinzulu. Sekunjalo, iThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Indlela uluntu oluwonakalisa ngayo umoya ojikeleze umhlaba ishiy’ amehlo.”
Okonwabisayo kukuba, iBhayibhile isixelela ukuba umhlaba ‘umi ngonaphakade.’ (INtshumayeli 1:4) Oku kungenxa yokuba uMdali, uYehova uThixo, akanakumvumela umntu okanye nawaphi na amandla emvelo awutshabalalise. Ngokwahlukileyo koko, uya ‘konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:17, 18.
Ukongezelela, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uYehova uThixo unekamva elimangalisayo aligcinele isijikelezi-langa sethu, uMhlaba, nalo lonke uluntu oluthobelayo. “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” Hayi indlela esinokuvuya ngayo kuba ikamva lomhlaba lixhomekeke kuThixo, kungekhona emntwini!—INdumiso 37:11; 72:16; Isaya 65:17-25; 2 Petros 3:13.
Ukuba ungathanda ukufumana inkcazelo eyongezelelekileyo ngendlela onokufumana ngayo iinkupho ezilandelayo zikaVukani!, nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova kummandla okuwo okanye ubhalele kwikhelingi ekufutshane kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
NASA photo