UAprili 11, 1998—Usuku Lokukhunjulwa
Ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, uYesu wadlulisa isonka esingenagwele nendebe yewayini kubapostile bakhe waza wabayalela ukuba batye baze basele. Kwakhona wathi kubo: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”—Luka 22:19.
Kulo nyaka ukwenziwa kwesi sikhumbuzo kuya kuba ngoMgqibelo, ngoAprili 11, emva kokutshona kwelanga. AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aya kuhlanganisana ngobu busuku bukhethekileyo ukuze abhiyozele esi Sikhumbuzo ngendlela uYesu awayalela ukuba senziwe ngayo. Umenywa ngokufudumeleyo ukuba ube kunye nathi ukuze ubukele. Nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze wazi ixesha elichanileyo nendawo aza kuhlanganisana kuyo.