Ubusuku Obufanele Bukhunjulwe
Uyamenywa—NgoLwesine NgoAprili 9, 2009
Ngobusuku obungaphambi kokuba afe, uYesu Kristu wasungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe, esebenzisa iwayini nesonka esingenagwele njengemifuziselo. UYesu wathi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”—Luka 22:19.
AmaNgqina kaYehova akumema ukuba ube kunye nawo ekuthobeleni uYesu, ngokuzimasa esi siganeko saminyaka le. Sicela ubuze amaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo ixesha nendawo esiza kuba kuyo esi siganeko.