IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • be isifu. 19 iphe. 145-iphe. 146 isiqe.¶ 5
  • Ukusetyenziswa KweBhayibhile Kukhuthaziwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukusetyenziswa KweBhayibhile Kukhuthaziwe
  • Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Amanqaku Afanayo
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • IZibhalo Zitshayelelwe Kakuhle
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Iyafundisa Kubaphulaphuli Bakho
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ukujonga Abaphulaphuli
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Khangela Okunye
Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
be isifu. 19 iphe. 145-iphe. 146 isiqe.¶ 5

ISIFUNDO 19

Ukusetyenziswa KweBhayibhile Kukhuthaziwe

Yintoni ekufuneka uyenze?

Khuthaza abaphulaphuli bakho ukuba balandele njengoko ufunda iBhayibhile.

Kutheni kubalulekile nje?

Oko umntu akubonayo ngamehlo akhe, ngokukodwa kwiBhayibhile yakhe, kubetheleleka nangakumbi.

UMNQWENO wethu kukwalathisa ingqalelo yakhe wonk’ ubani kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Le ncwadi ingcwele isisiseko sesigidimi esisishumayelayo, kwaye sifuna ukuba abantu bayibone into yokuba oko sikuthethayo, akuphumi kuthi, kuphuma kuThixo. Kufuneka abantu bahlakulele intembelo kwiBhayibhile.

Kubulungiseleli Basentsimini. Xa ulungiselela ubulungiseleli basentsimini, ngalo lonke ixesha khetha isibhalo esinye okanye ezingakumbi oza kwabelana ngazo nabantu abakulungeleyo ukuphulaphula. Kwanokuba uceba ukwenza intshumayelo emfutshane yokuhambisa uncwadi lweBhayibhile, kudla ngokuba yingenelo ukufunda indinyana efanelekileyo yeBhayibhile. IBhayibhile inamandla angakumbi okwalathisa abantu ababumvu kunayo nayiphi na into esinokuyithetha thina. Xa ungenakukwazi ukufunda ngokusuka eBhayibhileni, usenokukhetha ukuyicaphula. Ngenkulungwane yokuqala, imisongo yeZibhalo yayingemininzi. Ukanti, uYesu nabapostile bakhe bacaphula gqitha kwiZibhalo. Nathi sifanele senze umgudu wokuzinkqaya izibhalo size sizisebenzise ngendlela efanelekileyo kubulungiseleli bethu, maxa wambi sizicaphule nje.

Ukuba uyakwazi ukufunda ngokusuka eBhayibhileni, yibambe ngohlobo lokuba umninimzi akwazi ukulandela njengoko ufunda. Xa umninimzi elandela kowakhe umbhalo weBhayibhile, usenokusabela kakuhle nangakumbi.

Noko ke, umele uyiqonde into yokuba ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziye zenza unothanda ngeLizwi likaThixo. Indlela eziguqulela ngayo isenokungangqinelani ncam noko kwakukwiilwimi zeBhayibhile zantlandlolo. Iinguqulelo zale mihla eziliqela ziye zalikhupha igama likaThixo, zakufihla oko kuthethwa ngumbhalo weelwimi zantlandlolo ngemeko yabafi, zaza azakuchaza oko kuthethwa yiBhayibhile ngenjongo kaThixo ngomhlaba. Ukuze ubonise umntu oko kwenziweyo, kusenokufuneka uthelekise iindinyana eziziintloko zeeBhayibhile ezahlukeneyo okanye zeenguqulelo zangaphambili zolwimi olunye. Kwimibandela emininzi, incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo ithelekisa iindlela iinguqulelo ezahlukeneyo eziwaguqulela ngayo amabinzana aziintloko kwiindinyana ezidla ngokusetyenziswa. Nabani na oyithandayo inyaniso uya kukuvuyela ukwazi izibakala.

Kwiintlanganiso Zebandla. Wonke umntu ufanele akhuthazwe ukuba asebenzise iBhayibhile kwiintlanganiso zebandla. Ukwenjenjalo kunceda ngeendlela ezininzi. Kunceda ekugcineni ingqalelo yabaphulaphuli ikoko kuxutyushwayo. Kwenza ukuba uyibone loo nto ithethwa sisithethi. Kubethelela ezingqondweni zabantu abasebatsha abanomdla ukuba ngokwenene iBhayibhile ingumthombo weenkolelo zethu.

Ukulandela kwabaphulaphuli bakho kwiiBhayibhile zabo njengoko ufunda iZibhalo ubukhulu becala kuxhomekeke kukhuthazo olunikelayo. Ukubacela ngokungqalileyo kuyenye yeendlela eziphumelelayo.

Kuxhomekeke kuwe, njengesithethi, ukuba ziziphi na iindinyana ofuna ukugxininisa kuzo ngokucela abaphulaphuli ukuba bazityhile. Kungakuhle ukuba ufunde izibhalo eziya kukunceda uphuhlise iingongoma zakho eziziintloko. Emva koko, xa ixesha livuma, yongeza ezimbalwa ezixhasa ingxubusho yakho.

Kakade ke, ukubiza isibhalo okanye ukucela abaphulaphuli ukuba basityhile nje kukodwa akudli ngakwanela. Ukuba ufunda isibhalo uze uye kwesinye ngaphambi kokuba abaphulaphuli bakho bafumane eso ubusibize kuqala, kungekudala baya kutyhafa baze bayeke ukukulandela njengoko ufunda iBhayibhile. Yiba neliso elibukhali. Xa uninzi lusifumene isibhalo, sifunde.

Cinga ngokukhawuleza. Biza isibhalo sakho kuselithuba ngaphambi kokuba usifunde. Oku kuya kukwenza ungalahlekelwa lixesha elininzi ngenxa yokuba ulinde abaphulaphuli ukuba bafumane loo ndinyana. Ngoxa uya kugubungela umbandela omncinane ukuba uvumela abaphulaphuli ukuba batyhile izibhalo, iingenelo eziya kufumaneka ziwufanele loo mgudu.

INDLELA YOKUKWENZA OKU

  • Bonisa umninimzi loo ndinyana uyifunda eBhayibhileni, okanye mcele ukuba akuthelele kweyakhe iBhayibhile.

  • Xa unikela intetho ebandleni, bameme ngokungqalileyo abaphulaphuli ukuba batyhile izibhalo eziziintloko, uze ubanike ixesha elaneleyo lokutyhila.

UQHELISELO: Kumatyelelo okubuyela, zama la macebiso alandelayo: (1) Nika umninimzi iBhayibhile yakho, uze umcele ukuba afunde indinyana ethile osele uyityhilile. (2) Mbuze umninimzi ukuba angathanda na ukuzifumanela eyakhe iBhayibhile uze ufunde isibhalo esiyintloko.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share