IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 88 iphe. 206
  • UYesu Uyabanjwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Uyabanjwa
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UKristu Uyajikelwa Aze Abanjwe
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukungcatshwa Nokubanjwa
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ukungcatshwa Nokubanjwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • UYesu Emyezweni
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 88 iphe. 206
UYudas ujikela uYesu kwigadi yaseGetsemane

ISIFUNDO 88

UYesu Uyabanjwa

UYesu nabapostile banqumla iNtlambo YaseKidron besiya kwiNtaba YemiNquma. Kwakusezinzulwini zobusuku, inyanga iphelele. Ukufika kwabo kwiGadi YaseGetsemane uYesu wathi: “Hlalani apha, nihlale nilindile.” UYesu waya phambilana egadini waza waguqa ngamadolo. Ekhathazeke kakhulu, wathandaza kuYehova wathi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho.” UYehova wathumela ingelosi ukuba yomeleze uYesu. Xa uYesu wabuyela kubapostile, wafika abathathu belele. Wathi: ‘Vukani! Ayiloxesha lokulala eli!’ Lifikile ixesha lokuba ndinikelwe kwiintshaba zam.’

UYudas unikwa imali

Kungekudala, kwathi gqi uYudas ehamba nabantu abaninzi bephethe amakrele namagqudu. Wayesazi ukuba uza kumfumana phi uYesu kuba babeqhele ukuza kule gadi. UYudas wayethe kumajoni uza kuwabonisa ukuba ngowuphi uYesu. Waya ngqo kuYesu, wathi: ‘Molo Mfundisi,’ waza wamphuza. UYesu wathi: ‘Yudas, undijikela ngokundiphuza?’

UYesu wasondela waza wabuza aba bantu: “Nifuna bani?” Bathi: “UYesu umNazarete.” Waphendula wathi: “Ndinguye,” baza aba bantu babuya umva, bawa phantsi. UYesu waphinda wababuza: “Nifuna bani?” Baphinda bathi: “UYesu umNazarete.” UYesu wathi: ‘Nditshilo ukuba ndinguye. Wayekeni la madoda ahambe.’

Xa uPetros wabona into eyenzekayo, wakhupha ikrele lakhe waza wanqumla indlebe kaMalko, owayelikhoboka lombingeleli omkhulu. Kodwa uYesu wayiphilisa indlebe kaMalko. Wathi kuPetros: ‘Libeke ikrele lakho. Ukuba ulwa ngekrele uya kubulawa ngalo.’ Amajoni ambamba uYesu aza ambopha izandla. Abapostile bona babaleka. Abo bantu bamsa kuAnas, umbingeleli oyintloko. UAnas wambuza imibuzo emininzi uYesu waza wamthumela kwindlu kaKayafa uMbingeleli Omkhulu. Baphelela phi abapostile?

“Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele! Mna ndiloyisile ihlabathi.”—Yohane 16:33

Imibuzo: Kwenzeka ntoni kwigadi yaseGetsemane? Yintoni oyifundayo kwinto eyenziwa nguYesu koba busuku?

Mateyu 26:36-57; Marko 14:32-50; Luka 22:39-54; Yohane 18:1-14, 19-24

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share