Umqondiso Wokuwohloka Kokuziphatha
IZAZI NGEZENTLALO zithi ukuwohloka kokuziphatha okuya kusiba kubi namhlanje kubangelwa zizinto ezahlukahlukeneyo. Noko ke. uCunningham Geikie, umphengululi weBhayibhile wenkulungwane ye-19 wabonisa ngokuchanileyo apho kufanele kubekw’ ityala khona. Ngokulumkileyo wathi “kusoloko kuyinyaniso ukuba uphawu lonqulo lohlanga lungumqondiso kwimpilo nakumandla ohlanga.” Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile Engcwele iyaluchaza unqulo lobuxoki olubonakala njengehenyukazi elinophawu lwegama kwibunzi lalo—“IBhabheli Enkulu.” Esandleni linendebe yegolide ezele ngamasikizi nokungcola kobuhenyu balo. Ngokucacileyo, lolu phawu lonqulo lobuxoki olubuBhabhiloni olungumqondiso wokuziphatha okubi okuyingozi nobungendawo oboyikekayo banamhianje.—ISityhilelo 17:1, 2, 4, 5, 15.