“Unyana Wam Ebengandiphanga Thuba”
Oko koko omnye ubawo wakuchazayo xa wafika kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society esePeru kutshanje. Wacacisa wathi:
“Unyana wam omncinane ebendikhathaza kangongeeveki, efuna ukuba ndimfunele Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Ukususela ekubeni omnye wabo afunda nabo esikolweni wayifumanayo, unyana wam ebengandiphanga thuba. Bendisihla ndinyuka ndikhangela apho ndinokufumana khona umbhalo wayo. Ndandingazi apho ndandinokuqalisa ukuyifuna khona. Ukubuza kwiivenkile zeencwadi akuzange kuncede.
“Oku ndakukhankanya komnye wabo ndisebenza nabo eofisini, yaye wathi ndandifanele ndiye kumaNgqina kaYehova ukuze ndiyifumane. Ndathi, ‘Nakanye! Andinakuya kwabo bantu. Basoloko befika ekhaya, yaye ndisoloko ndibagxotha.’ Kodwa wandeyisa ngelokuba nilungile—enyanisweni, wanincoma kakhulu waza wathi incwadi endandiyifuna yayiyelunge ngenene. Ngoko ndilapha. Ndifuna loo ncwadi.”
Sinoluvo lokuba, nawe, uya kuyifuna le mpapasho intle inemifanekiso nebhalwe ngamagama amakhulu. Amabali ayo eBhayibhile ali-116 anikela umfundi imbono yako konke okuqulethwe yiBhayibhile.
Khanindithumelele, iposi ihlawulelwe, impapasho eneqweqwe elilukhuni ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile, endithi ngayo ndithumele ii-R4,50.