‘Abantwana Bayayithanda’
Izigidi zeentsapho ziye zayinandipha Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Amabali ayo eBhayibhile ali-116 abonisa umfundi oko iBhayibhile ikuquletheyo. Ekuqaleni kwalo nyaka omnye umntu waseNtshona Ostreliya wabonisa indlela le ncwadi enomphumo omhle ngayo, ecacisa esithi:
“Ndingumfundisi-ntsapho yaye ndifuna ukukhuthaza abantwana endibafundisayo ukuba bawunikele wonke umsebenzi wabo wesikolo kuThixo nakuYesu, njengoko nam ndisenjenjalo kumsebenzi wam wokufundisa abantwana. Ndiye ndakwenza usukelo lwam ukufundela abantwana egumbini lokufundela ‘Incwadi yenu Yamabali EBhayibhile’ endayithenga komnye wamaNgqina awayehamba etyelela. Abantwana bayayithanda le ncwadi, bathanda amabali ayo, ibe bayandicela ukuba ndibafundele angakumbl xa ndiyibeka phantsi.”
Ngaba unabantwana obaziyo abebeya kuyinandipha Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile? Unokufumana umbhalo ngokuzalisa uze uthumele iphetshana elingezantsi. Le ncwadi inamaphepha angama-256, alingana neli phephancwadi. Inemifanekiso emikhulu engaphezu kwe-125, uninzi lwayo lunemibala emihle.
Khanindithumelele, iposi ihlawulelwe, incwadi eneqweqwe elilukhuni ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile, endithi ngayo ndithumele ii-R4,50.