‘Andizange Ndonwabe Njengangoku’
Lawo yayingamagqabaza ebhinqa elalisebenzise icebiso elinikelwe kwincwadi ethi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe. Lalineengxaki zomtshato yaye laqalisa ukuzixubusha nebhinqa elalicoca indlu yalo. Ibhinqa elicocayo liyabhala:
“Naliphi na icebiso endamnika lona ndandilithabathe ngqo kule ncwadi. Ekugqibeleni ndamxelela ukuba ndandinencwadi awayenokuyifumanisa inik’ umdla kuyo. Ndamcacisela indlela eyandinceda ngayo nokuba yayinamacebiso aphilileyo aphuma eBhayibhileni. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, ndathetha nalo emnxebeni ibe landazisa ukuba lona nomyeni walo bayifundile le ncwadi baza bagqiba ekubeni baphathane ngendlela ephucukileyo.
“Ngale ngokuhlwa wanditsalela umnxeba kwakhona endixelela ukuba, phakathi kwezinye izinto, ubomi babo abuzange bonwabe njengokuba bunjalo ngoku. Bayifunde kunye le ncwadi, behlolisisa neBhayibhile, yaye bayayisebenzisa imigaqo ekuyo.”
Ukuba unqwenela uncedo lokwenza umtshato wakho ube ngowonwabe ngakumbi, unokungenelwa kokuphuma kule ncwadi. Zifumanele umbhalo ngokuzalisa uze uthumele iphetshana elingezantsi.
Khanindithumelele, iposi ihlawulelwe, incwadi eneqweqwe elilukhuni nenamaphepha ali-192 ethi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe. Ndithumela ii-R2.