‘Bakhumbula UMdali Wabo’
Bangaphi abantu abaselula abazibeka tanci izilangazelelo zokomoya? Kwamanye amabutho abantu, kusenokuba lisiko ukwenza amadinga ngaphambi kwexesha, ukutshata nokuba nomthwalo weembopheleleko zentsapho okanye ukwenza inkqubela kwimisebenzi yehlabathi. Kodwa ngaba amaKristu aselula afanele alandele loo ndlela iqhelekileyo? Kukho okongezeleleke ngakumbi okunokunanditshwa lulutsha olungatshatanga olulangazelela ukuzincama njengoko ‘lukhumbula uMdali walo’ ngemihla yobutsha balo.—INtshumayeli 12:1.
Ngokomzekelo, eYokohama, eJapan, kukho uYutaka, owathi kunye nomninawa wakhe uKeisuke, wafundisisa neNgqina elinguvulindlela. Wayeneminyaka esithoba ubudala ngelo xesha. Emva kweeveki ezimbalwa unina wabona ukuphucula okukhulu kwisimilo sala makhwenkwe mabini njengoko aqalisa ukusebenzisa imigaqo yobuKristu. Ngoko naye kananjalo waqalisa ukufundisisa, ekunye nabanye abantwana bakhe abathathu. Ebona uvuyo olwalufunyanwa yintsapho yakhe kwizifundo zeBhayibhile, uyise ngokulandelayo wabathelela, yaye ukuhambeni kwexesha bonke babhaptizwa.
Xa wayeneminyaka elishumi ubudala, uYutaka wangenela inkonzo yobuvulindlela bobuncedani. Waqhubeka esenjenjalo kangangeminyaka engaphezu kwesixhenxe, ukususela kwixesha awayekwisikolo semfundo yamabanga aphantsi, kwesemfundo yamabanga aphakathi yaye ngoku ukuya kutsho kwesemfundo ephakamileyo. Uye wanikela ixesha elininzi kwinkonzo yoBukumkani kwangenj’ ixukuxa, enikela ubungqina kwabadlula kwisikhululo sikaloliwe sasekuhlaleni. Ngoko ukuze angavusi yonke intsapho ngengxolo yewotshi, wayebopha umtya engalweni yakhe, ajingise elinye icala lomtya ngaphandle efestileni. Iqabane lakhe elikwanguvulindlela ongumncedani beligqitha kuye lize lixhuzule umtya ngexesha elimiselweyo. Emva kweminyaka engaphezu kwesixhenxe yobuvulindlela bobuncedani, uYutaka walufikelela usukelo lwakhe lwenkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi ngoSeptemba 1983. Waphumelela kwisikolo semfundo ephakamileyo ngoMatshi 1984.
ETakatsuki, eJapan, uYasuko ukunyaka wakhe wesibini kwisikolo semfundo yamabanga aphakathi. Uqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezisixhenxe ezahlukeneyo veki nganye—ezihlanu nafunda nabo yaye ezibini nabafundisi-ntsapho bakhe. Xa Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani eJapan banikela ingxelo ngamava akhe, wababonisa abafundisi-ntsapho bakhe elo nqaku, ebakhumbuza ukuba, ekubeni ngoku eli bali lalishicilelwe, babefanele bafundisise kakuhle ngakumbi.
Abo ‘bakhumbula uMdali’ wabo beselula, enoba kungokuba ngoovulindlela okanye kungokukhonza ngenzondelelo kweminye imisebenzi yenkonzo, bayakwazi ukuhlakulela “uthando lukaYise,” olunqweneleka ngaphezu kwayo nayiphi na into esinokuyithenjiswa lihlabathi. Eneneni, “ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:15-17.