‛Imizimba Emininzi Yabangcwele Yaphuma’
“UMHLABA wanyikima, namawa acandeka. Aza amangcwaba enkumbulo avuleka yathi imizimba emininzi yabangcwele ababelele yaphuma, (bathi abantu, ababephuma phakathi kwamangcwaba enkumbulo emva kokuvuswa kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele,) baza babonakala kubantu abaninzi.” (Mateyu 27:51-53, NW) Umphengululi ongumKatolika uKarl Staab usibiza esi siganeko senzeka ekufeni kukaYesu ‘njengesimangalisa ngokwenene.’ Kwenzeka ntoni?
UEpiphanius nabanye abaSeki beCawa bangaphambili bafundisa ukuba abangcwele babuyela ebomini ngokoqobo baza baya ezulwini noYesu ovusiweyo. UAugustine, uTheophylactus, noZigabenus babekholelwa kwelokuba aba bafi bafumana uvuko lokomzuzwana kodwa kamva babuyela kumangcwaba abo. Phofu ke, le mbono yamva, “ayizange yamkelwe ngokubanzi,” utsho njalo umphengululi uErich Fascher. Xa ziguqulela uMateyu 27:52, 53, iinguqulelo zeBhayibhile ezininzi zanamhlanje zinikela imbono yokuba kwabakho uvuko. Akunjalo ngeNew World Translation, eyalatha kwimiphumo yenyikima. Ngoba?
Okokuqala, nokuba babengoobani na “abangcwele,” uMateyu akazange athi bona baphuma. Wathi yimizimba, okanye zizidumbu zabo ezaphumayo. Okwesibini, akazange athi le mizimba yabuyela ebomini. Wathi yaphuma, yaye isenzi sesiGrike esingu e·geiʹro, esithetha ‘ukuphuma,’ asisoloko sibhekisela kuvuko. Phakathi kwezinye izinto, sisenokuthetha “ukukhupha” emgxunyeni, okanye ‘ukuphakama’ emhlabeni. (Mateyu 12:11, NW; Mt 17:7, NW; Luka 1:69) Ukunyikima okwenzeka ekufeni kukaYesu kwavula amangcwaba, imizimba engenabomi kwayikhuphela ngaphandle kwamangcwaba. Kwaye kwanikelwa ingxelo yeziganeko ezinjalo ebudeni beenyikima ngenkulungwane yesibini yeXesha Eliqhelekileyo ngumbhali ongumGrike uAelius Aristides kwanakutshanje, ngowe-1962, eColombia.
Le mbono yesi siganeko iyavisisana neemfundiso zeBhayibhile. Kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 15, umpostile uPawulos unikela ubungqina obeyisayo bovuko, kodwa umtyeshela ngokupheleleyo uMateyu 27:52, 53. Baye benza ngolo hlobo nabo bonke abanye ababhali beBhayibhile. (IZenzo 2:32, 34) Izidumbu ezaphumayo emangcwabeni ekufeni kukaYesu azinakuba zabuyela ebomini ngendlela awacinga ngayo uEpiphanius, kuba ngosuku lwesithathu emva koko, uYesu waba ‘ngowamazibulo ukuvuka kwabafileyo.’ (Kolose 1:18) AmaKristu athanjisiweyo, akwabizwa ngokuba ‘ngabangcwele,’ ayethenjiswe isabelo kuvuko lokuqala ekufikeni kukaKristu, kungekhona ngenkulungwane yokuqala.—1 Tesalonika 3:13; 4:14-17.
Inkoliso yabahlalutyi beBhayibhile inobunzima ekucaciseni Mt 27 indinyana 53, nangona iqela labo lisithi Mt 27 indinyana 52 ichaza ukuvulwa kwamangcwaba yinyikima nokuvezwa kwezidumbu ezazisandul’ ukungcwatywa. Ngokomzekelo, umphengululi ongumJamani uTheobald Daechsel unikela le nguqulelo ilandelayo: “Aza amangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zeengcwele ezilele ukufa zaphakanyiswa.”
Babengoobani abo “bangena kuwo umzi ongcwele” emva kwethuba elithile, oko kukuthi emva kokuba uYesu evusiwe? Njengokuba sibona ngasentla, le mizimba edunduluzileyo yahlala ingenabomi, ngoko uMateyu umele abe ubhekisela kubantu ababetyelele amangcwaba baza beza neendaba ezingesi siganeko eYerusalem. Ngaloo ndlela, inguqulelo yeNew World Translation ikwenza nzulu ukuqondwa kweBhayibhile yaye ayibadidi abafundi mayela novuko.