Ukufuna Uxolo Lwengqondo
Oko koko ibhinqa elithile elihlala kwisiXeko saseSalt Lake, eUtah, eUnited States, lathi belisoloko likufuna elunqulweni kangangeminyaka emininzi. Libhala lisithi: “De kube ziinyanga ezisibhozo ezidluleyo, bendicinga ukuba andisokuze ndilufumane uxolo lwengqondo. Kuthe ngoFebruwari ndafikelwa ngamaNgqina ekhayeni lam. Bendifundisisa kangangeenyanga ezisibhozo, yaye ndifumanise ukuba nini kuphela abanceda abanye abantu balungele ukuzuza uBukumkani bukaThixo.”
Eli bhinqa lalek’ umsundulo lisithi: “Ngenye imini umhlobo wam oliNgqina wandinika incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Ayikho incwadi endakha ndakuvuyela ukuyifunda ngendlela endandikuvuyela ngayo ukufunda le ncwadi. Ngokuqinisekileyo iyenye yezona mpapasho zisemagqabini zeWatch Tower Society.”
Ukuba unqwenela ukufumana umbhalo wale mpapasho ifanelekileyo, nceda uzalise uze uthumele ngeposi eli phetshana lingezantsi.
Ndingathanda ukufumana incwadi enoqweqwe olulukhuni nenamaphepha ali-192 ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? (Ngaphandle koMzantsi Afrika, bhalela isebe lasekuhlaleni leWatch Tower ukuze ufumane inkcazelo. Bona iphepha 2.)
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Iziprofeto zikaDaniyeli ezingokulawula kwamagunya ehlabathi zazaliseka ngokuchane kangangokuba abahlalutyi bezi mini bacinga ukuba zabhalwa emva kokuzaliseka kwazo