Ukukhululwa KwemiSongo Yokugqibela YoLwandle Olufileyo
KUSEPTEMBA wonyaka ophelileyo, intsinda-badala ababebhutyabhutyana nayo abaphengululi kangangamashumi eminyaka iye ekugqibeleni yaconjululwa. Ukruthakruthwano olubambis’ amazinyo phakathi kwabaphengululi bemiSongo yoLwandle Olufileyo lwalubonakala luzinzisiwe, nangona kusenokuba kwaqalisa ukruthakruthwano olutsha.
ImiSongo yoLwandle Olufileyo yafunyanwa kwimiqolomba ekufutshane noLwandle Olufileyo ngowe-1947 nakwiminyaka eyalandelayo. Yayiluncedo kakhulu ekuboniseni iindlela ezichane ngayo iZibhalo zesiHebhere nasekusikhanyiseleni ngeemeko ezingokonqulo zasePalestina xa uYesu wayesemhlabeni. (Isaya 40:8) Ngoxa eminye imibhalo-ngqangi yayipapashwe ngokukhawuleza, ngowe-1991 phantse engama-400 yayingekapapashwa yaye inkoliso yabaphengululi babengenayo. Abaninzi, kanye njengokuba kwakunjalo kuNjingalwazi Ben Zion Wacholder, “babegqitywa amandla kukuqonda ukuba ngesantya epapashwa ngaso ngoku le mibhalo yoLwandle Olufileyo iya kukhululwa yonke ukuba ibonwe nguwonke wonke sesafayo xa sisonke.”
Kodwa loo meko yaguquka ngoSeptemba wanyakenye. Okokuqala, uNjingalwazi Wacholder neqabane lakhe, uMartin Abegg, babhengeza ukuba baye ngobuchule basebenzisa ikhompyutha ukuvelisa le mibhalo eyayilondolozwe gqitha. Emva koku, uMzi Wogcino-zincwadi iHuntington eSan Marino, eKhalifoniya, eUnited States, wabhengeza ukuba wawunemibhalo efotiweyo yale mibhalo-ngqangi yantlandlolo yaye wawuza kuyidlulisela ngaphandle kwemiqathango kubaphengululi abavunyiweyo. Kubonakala ukuba, kuye kwafotwa iikopi eziliqela zale misongo ukuqinisekisa ukuba iyalondolozwa. Ethile yale mibhalo ekhutshelweyo iye yagcinwa kwiindawo ezahlukeneyo, kwaza ke ekugqibeleni omnye waya kuphelela ukuMzi Wogcino-zincwadi iHuntington.
Omnye umphengululi wayichaza le nguqu ngokuthi ‘kubaphengululi ifana nqwa nokudilika koDonga lwaseBerlin.’ Abahleli abagunyaziswe ngokusemthethweni bakuchaza oku kupapashwa kwemibhalo eveliswe ngekhompyutha nokukhululwa kwemibhalo efotiweyo ngokuthi ‘bubusela.’ Kusenokwenzeka ukuba, iingxoxo ezingemigaqo nokuba semthethweni kwayo ziya kuqhubeka kangangeminyaka. Okwakalokunje, kubonakala ngathi abaphengululi abangakumbi baya kukwazi ukuyihlola imiSongo yoLwande Olufileyo iphelele.
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Umbhalo wenkcazelo ekuHabhakuki, omnye wemiSongo yoLwandle Olufileyo