Iintsika Ezimangalisa Gqitha
Iindwendwe ziyamangaliswa ziintsika ezikuLwandle lweMeditera eKesareya, izibuko lamandulo elikunxweme lwakwaSirayeli. UHerode Omkhulu walakha eli zibuko waza wathiya isixeko ngegama likaKesare Awugusto.
Abembi bezinto zakudala baye bavumbulula ummandla omkhulu wesi sixeko, kuquka nebala laso elikhulu lemidlalo. Baye bangena nangaphantsi kwamanzi ukuze baqonde indlela esasakhiwe ngayo isakhiwo esikhulu seli zibuko kunxweme olunentlabathi.
IThe New York Times (Januwari 8, 1991) yanikela ingxelo ngokufunyanwa kweentsika kumabhodlo ebhotwe ngaphambili elalakhiwe ngendlela yokuba lijinge phezu kolwandle. Ezi zikhethekile ekubeni kwimibhalo ekuzo iirhuluneli ezithile zaseRoma ebezingaziwa ngaphambili zibizwa ngamagama. Kukhankanywa ‘nomalathisi’ weenqanawa, nto leyo “eqalayo ukwenzeka ukuba kufunyanwe umbhalo othetha ngeli zibuko.”
Abafundi beBhayibhile bayazi ukuba umpostile uPawulos weza ngenqanawa kweli zibuko ekuqukumbeleni kwakhe izihlandlo ezibini zokhenketho lwakhe lobuvangeli basemazweni. Apha wahlala noFilipu umshumayeli weendaba ezilungileyo, yaye amava akhe amele ukuba abakhuthaza kakhulu abo bafundi. (IZenzo 18:21, 22; 21:7, 8, 16) Sinokufunda amaninzi ala mava achukumisayo kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo Zabapostile.
Ngoko ezi ntsika zingaselunxwemeni asizizo nje kuphela izinto ezasalayo nezingokwasembalini ezingenamsebenzi. Ziwakhumbuza amaKristu ngabazalwana bawo bangaphambili, ababesasaza ngenkuthalo iindaba ezilungileyo emazibukweni “kude kuse nasekupheleni komhlaba.”—IZenzo 1:8.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Garo Nalbandian